Ukuvakalisa ‘Amazwi Esiprofeto’
1 Siphila kumaxesha okuzaliseka kweziprofeto zencwadi yeSityhilelo. Abaninzi bafuna ukuqonda intsingiselo yeziganeko eziphazamisayo ezenzekayo. Banokungenelwa ‘ngokuva amazwi’ esiprofeto seSityhilelo. (ISityhi. 1:3) Ebudeni benyanga kaMatshi, sinethuba lokubanceda ngokuhambisa incwadi ethi Incopho YeSityhilelo. Xa siyinikela sifanele sikhumbule ukuba iingxaki uluntu olujamelene nazo namhlanje zazixelwe kwangaphambili kwincwadi yeSityhilelo. Ngoko, yintoni esinokuyithetha?
2 Le ntshayelelo isenokuphumelela:
◼ “Kule nkulungwane yama-20 uluntu luye lwathwaxwa ziimfazwe, yindlala nazizifo. Ucinga ukuba kutheni kusenzeka oku ngoxa uluntu luhambele phambili kangaka kwezobugcisa? [Vumela impendulo.] Abaninzi bayamangaliswa kukufunda ukuba ezi meko zazixelwe kwangaphambili eBhayibhileni. Mhlawumbi uqhelene nebinzana elithi ‘abakhweli-mahashe abane beSityhilelo.’ Oko iBhayibhile ikuthethayo ngaba bakhweli-mahashe kusisiprofeto esizalisekiswa kwiziganeko zehlabathi namhlanje. [Tyhila kwincwadi ethi Incopho YeSityhilelo kwisahluko 16, uze ucacise imifanekiso ekwiphepha 91-7.] Ngoxa esi siprofeto sixela kwangaphambili ixesha lembandezelo enkulu, sikwanikela ithemba. [Funda ISityhilelo 6:2 kwisiqendu 3.] UMkhweli wehashe elimhlophe nguYesu Kristu. Uthembise ukoyisa ubungendawo aze azise ihlabathi lolonwabo noxolo ngoBukumkani awasifundisa ukuba sibuthandazele.” Nikela incwadi.
3 Mhlawumbi lo mbuzo usenokuvusa ingxubusho enentsingiselo:
◼ “Ucinga ukuba yintoni efunekayo ukushenxisa iimeko ezimbi ehlabathini? [Vumela impendulo.] Inkoliso yabantu iyavuma ukuba kufuneka iinguqulelo ezikhawulezileyo ukuba eli hlabathi liza kusinda. IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo uyayazi indlela yokucombulula iingxaki zethu yaye uthembise ukusinceda.” Tyhila kwiphepha 171 lencwadi ethi Incopho YeSityhilelo, uze ufunde ISityhilelo 11:15 kwisiqendu 1. Tyhila kumfanekiso okwiphepha 302 nelama-308, uze uchaze iintsikelelo eziya kuzalisekiswa phantsi kolawulo loBukumkani olungoKristu. Yandula ke ucacise indlela umninimzi anokungenelwa ngayo ngokobuqu.
4 Kusenokuba lula kuwe ukuthetha okufana noku:
◼ “Abantu abaninzi abafunde incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo bakufumanise kunzima ukuyiqonda. Ichaza iziganeko ezahlukeneyo ezingaqhelekanga nezibalulekileyo. Le ncwadi ethi, ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!, ixubusha iindinyana ngeendinyana zayo yonke incwadi yeSityhilelo yaye ibonisa indlela thina esinokuchatshazelwa ngayo yinzaliseko yeziprofeto zayo.” Tyhila kule ncwadi kwiphepha 15, isiqendu 2, uze uchaze ISityhilelo 1:1, esibhalwe ngqindilili. Chaza ukuba amagqabaza anje akho kwindinyana nganye yencwadi yeSityhilelo yaye le nkcazelo iya kumnceda aqonde iziprofeto ezibalulekileyo. Nikela le ncwadi ngomnikelo wee-R10,50.
5 Ukuba umntu uxakekile okanye akawamkeli umnikelo wencwadi ethi Incopho YeSityhilelo, usenokunikela amaphephancwadi amabini okanye iphecana. Qiniseka ukuba uyabuyela ukuze ukhuthaze umdla ongakumbi kwisigidimi soBukumkani.
6 Isigidimi esikwincwadi yeSityhilelo sichaphazela lonke uluntu. Wonk’ ubani ufuna ukuweva amazwi aso esi siprofeto. Ngamana singenza konke okusemandleni ethu ukuvakalisa esi sigidimi sibalulekileyo.