Iintlanganiso Zenkonzo KaJanuwari
Iveki Eqala NgoJanuwari 1
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Unobhala nabaqhubi bezifundo zencwadi bafanele baqinisekise ukuba zonke iingxelo zenkonzo yasentsimini zenyanga edluleyo ezingekangeniswa ziyafakwa. Bakhumbuze bonke abavakalisi bafake ingxelo yabo yenkonzo yasentsimini kaDisemba ngokukhawuleza.
15 imiz: “Shumayela Ngengqiqo.” Xubusha iingongoma eziziintloko, uze wenze umboniso ngentshumayelo enye okanye ezimbini.
20 imiz: “Yibani Ngabenzi—Ningabi Ngabaphulaphuli Nje Kuphela.” Imibuzo neempendulo. Xa ixesha livuma, xubusha ngokubaluleka kokuthobela, ngokuphuma kwincwadi ethi Insight, uMqulu 2, iphepha 521, isiqendu 1 nesesi-2.
Ingoma 28 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJanuwari 8
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Bancome ngokufanelekileyo ngokuxhasa umsebenzi wasekuhlaleni nowenziwa kwihlabathi lonke wokushumayela iindaba ezilungileyo.
15 imiz: Uncedo Olukhuselayo Lweqweqwe Eliyi-Advance Medical Directive/Release. Umdala uxubusha nebandla ngokubaluleka kokuba ngamnye alizalise ngokufanelekileyo iqweqwe eliyi-Advance Medical Directive/Release aze aliphathe ngawo onke amaxesha nemfuneko yokuba abantwana babe ne-Identity Card kubo ngamaxesha onke. Njengokuba umxholo weli qweqwe usitsho, linikela isaziso kwangaphambili soko ukufunayo (okanye ongakufuniyo) ngokuphathelele ukunyanyekelwa ngezonyango. Kutheni oku kusenziwa nyaka ngamnye nje? Iqweqwe lakutshanje lisebenza ngakumbi kunelo lisenokujongwa njengeliphelelwe lixesha okanye njengelingaseyombonakaliso yolweyiseko lukabani. Eli qweqwe liyakuthethela ukuba akukwazi kuzithethela. La maqweqwe aza kukhutshwa ngale ngokuhlwa. Afanele azaliswe ngobunono emakhaya, kodwa akamele atyobelwe. Njengoko bekunjalo kwiminyaka emibini edluleyo, ukuwatyobela nokufaka utyobelo lwamangqina kuya kwenziwa kwiindawo ekuqhutyelwa kuzo iZifundo Zencwadi Zebandla, ngaphantsi kweliso labaqhubi bezifundo zencwadi. Eneneni abo batyobela njengamangqina bafanele bambone umniniqweqwe xa elityobela. Oku kuya kwenziwa emva kwesifundo sencwadi kwiveki eqala ngoJanuwari 15. (Ukuze ufumane ingcombolo ngale nkqubo, bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 1994 iphepha 2. Kwakhona bona ileta kaOktobha 15, 1992.) Bonke abavakalisi ababhaptiziweyo basenokuzalisa iqweqwe eliyi-Advance Medical Directive/Release. Abavakalisi abangabhaptizwanga basengathanda ukuzibhalela elabo iqweqwe, ngokuhlengahlengisa okuthethwe kweli qweqwe kuvisisane neemeko nolweyiseko lwabo. Abazali banokunceda abantwana babo abangabhaptizwanga bazalise i-Identity Card. Yazisa ibandla ukuba izihlomelo ezibini ezihlaziyiweyo zikaJuni 1992 nobukaMatshi 1993 ziza kuxutyushwa kwiNtlanganiso Yenkonzo kwiveki kaJanuwari 22 nowama-29. Wonke umntu umele eze nombhalo wakhe xa zityushwa.
20 imiz: “Fumana Iingenelo KwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo Sowe-1996—Icandelo 1.” Intetho ngumveleli wesikolo. Hlolisisa imiyalelo enikelwe malunga neentetho zabafundi kwimiyalelo yeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, ekuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 1995.
Ingoma 70 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJanuwari 15
12 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Xubusha ngokufutshane ingxaki eyandayo yokufika abantu bengekho emakhaya. Khuthaza abavakalisi balonge ixesha ngokuthabatha inyathelo lokuqala ekuthetheni nabantu abadlulayo, abemi kwindledlana yabahamba ngeenyawo, okanye abahleli kwiinqwelo-mafutha.
15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni. (Okanye “Londoloza Imvo Yakho Yongxamiseko,” intetho esekelwe kwiMboniselo kaOktobha 1, 1995, iphepha 25-8.)
18 imiz: “Buyela Ukuze Usindise Abathile.” Hlolisisa iintshumayelo ezicetyisiweyo. Khuthaza ukuba nosukelo lokuqalisa izifundo kwincwadi ethi, Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade.
Ingoma 156 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJanuwari 22
5 imiz: Izaziso zasekuhlaleni.
25 imiz: “Ngaba Ukulungele Ukujamelana Nemeko Yezonyango Elucelomngeni Elukholweni?” Umdala ofanelekayo uxubusha nabaphulaphuli uhlelo oluhlaziyiweyo lwesihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJuni 1992. Quka iingongoma ezifanelekileyo kwileta kaJanuwari 1, 1996 eyathunyelwa kuwo onke amabandla. Baquke kangangoko kunokwenzeka abaphulaphuli. Gxininisa kwingenelo yokusebenzisana nabadala neeKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele xa sijamelene nemeko yongxamiseko yezonyango. Bethelela ukubaluleka kokungalindi de kuvele imeko yongxamiseko ngaphambi kokuba sicinge ngoko simele sikwenze. Cebani ngoku kusengaphambili njengentsapho—hlalani nilungile! Khumbuza abaphulaphuli beze nohlelo oluhlaziyiweyo lwesihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMatshi 1993 esithi, “Ukukhusela Abantwana Benu Ekusetyenzisweni Kakubi Kwegazi,” kwiNtlanganiso Yenkonzo yeveki ezayo.
15 imiz: “Thetha Ngenkalipho.” Intetho nengxubusho isingathwa ngumdala. Hlolisisa amalungiselelo asekuhlaleni enkonzo angeCawa. Bancome ngokuwaxhasa kakuhle, uze ucebise apho kufuneka kuphuculwe khona.
Ingoma 92 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoJanuwari 29
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Khumbuza abavakalisi bangenise ingxelo yabo yenkonzo kaJanuwari ngokukhawuleza.
20 imiz: “Ukukhusela Abantwana Benu Ekusetyenzisweni Kakubi Kwegazi.” Umdala unikela intetho kwisihlomelo esihlaziyiweyo sikaMatshi 1993. Cacisa ukuba isigqibo sabazali sokuba bavumele ugqirha anyange umntwana wabo phantsi kweemeko ezithile ezichazwe kwisiqendu 5-7 asimele sijongwe njengokulalanisa. Bethelela ukuba ukulungiselela kwabazali kusengaphambili ekufumaneleni abantwana babo uncedo lwezonyango kusoloko kusisikhokelo ekuluphepheni ngokuphumelelayo utofelo-gazi. Bancede abaphulaphuli babone imfuneko yokuba zozibini ezi zihlomelo (6/92; 3/93) zihlale zikufutshane, baze bazihlolisise amaxesha ngamaxesha.
15 imiz: Nikela Incwadi Ethi Incopho YeSityhilelo NgoFebruwari. Cacisa isizathu sokuba incwadi yeSityhilelo yayikade ijongwa njengemfihlelo esingenakuyiqonda. Hlolisisa isiqendu 6 ukusa kwese-9 kwiphepha 8, ubonise isizathu sokuba le ncwadi ifuneka. Khuthaza abaphulaphuli bacinge ngezi ngongoma ukuze babe nento abaza kuthethela phezu kwayo emzini. Bhekisela kwiphepha 98-9, kumxholo othi “Indlela Ebhalwe Ngayo Incwadi YeSityhilelo,” uze ubonise indlela okunokusetyenziswa ngayo oku ukubonisa konke okuqulethwe yincwadi yeSityhilelo. Tsalela ingqalelo kwimifanekiso enomtsalane ngaphakathi kwiqweqwe elisekuqaleni nelisekugqibeleni nendlela enokusetyenziswa ngayo ekuqaliseni incoko. Bakhuthaze bonke bazifumanele imibhalo abaza kuyihambisa kwinkonzo ngale mpela-veki.
Ingoma 143 nomthandazo wokuqukumbela.