Imbono YeBhayibhile
Ukusebenzisa Iziyobisi Ngenjongo Yokuziyolisa—Kutheni Kuphosakele?
“ICOCAINE . . . mhlawumbi sesona siyobisi singeyongozi kwiziyobisi ezingekho mthethweni ezisetyenziswa ngokubanzi ngoku . . . yaye iyolisa kakhulu.”
Watsho njalo uGqr. Peter Bourne ngowe-1974. Kwiminyaka emine kamva njengomcebisi kaMongameli Jimmy Carter kwinkqubo yezempilo kwiNdlu Yeengwevu, uGqr. Bourne wanyanzelelwa ukuba arhoxe ngenxa yezityholo zokusebenzisa iziyobisi ezingekho mthethweni. Njengabanye abaninzi, mhlawumbi wacinga ukuba wayenokukuthethelela ukusebenzisa iziyobisi ngenjongo yokuziyolisa.
Ngaxa lithile icocaine yayifunyanwa lula nguye nabani na phantse kuyo yonke indawo—kwiivenkile ezithengisa ukutya, kwiindawo zokusela nakubathengisi abathengisa ngothumelo ngeposi. Ebudeni beminyaka yee-1880 neyee-1890, yayinokutshaywa ingumdiza owenziwe ngegqabi lecoca. Yayiselwa kwimixube yewayini neziselo ezinganxilisiyo ezahlukahlukeneyo. Nomcuphi odumileyo webali lamaNgesi uSherlock Holmes uchazwa njengosebenzisa icocaine “kathathu ngemini kangangeenyanga ezininzi.”—The Sign of Four, nguMhlekazi Arthur Conan Doyle.
Icocaine yayixatyiswa ngenxa yemiphumo yayo ehlaziyayo yaye yayisothulelw’ umnqwazi njengomthomalalisi wentloko ebuhlungu, umbefu, umfixane olubangwa ngumungu nezinyo eliqaqambayo. Yaba liyeza lokunyanga zonke izifo kubantu abaninzi. Ngokomzekelo, ngowe-1884 uSigmund Freud oselula wabhala oku: “Ndiye ndawulinga lo mphumo ewuvelisayo icoca, onqanda ukulamba, ubuthongo nokudinwa nowenza ubani asebenzise ingqondo, kangangamaxesha ngamaxesha . . . Ithamo lokuqala okanye naphindaphindiweyo ecoca akavelisi mnqweno ungalawulekiyo wokusisebenzisa ngakumbi esi sivuseleli.”—Über Coca.
Kwiminyaka edluleyo, amagqabaza afanayo enziwa mayela nomya, nto leyo eyakhokelela abanye abantu ekukholelweni ukuba ukusebenzisa iziyobisi akuyongozi. Noko ke, namhlanje unokufumana ubungqina obuninzi bezonyango obubonisa into eyahlukileyo koko. Eneneni, ukusebenzisa iziyobisi ezinjengomya, icocaine, icrack (uhlobo oluthile lwecocaine), iheroin, iiamphetamines, neebarbiturates kuyingozi ngokugqithiseleyo emzimbeni.
Imiphumo Eyingozi Nebulalayo
Abaphengululi babanga ukuba abantu abasebenzisa umya banokuzala iintsana ezicekethekileyo, balindele iingozi ezingakumbi nemiphunga eyonakeleyo. Icocaine necrack evela kwicocaine bezinxulunyaniswa neempawu zesifo sengqondo iparanoia nezinye izifo zengqondo, udandatheko oluqatha, ukungabi nabuthongo, ukungabi namdla ekutyeni, ukungabi namdla kwisini, ukucaphuka ngokugqithiseleyo, ukuhlaselwa ngequbuliso sisifo, isifo sentliziyo, ukufa amalungu omzimba, izilonda okanye amadyungudyungu amakhulu, ukulahlekelwa ziingalo nemilenze neminwe neenzwane, ukuzala iintsana ezineziphene, izifo kuthungelwano lwamalungu okuphefumla angasentla, ukungaliva ivumba nokufa. Ngokomnye umbhali wenzulu-lwazi, “ukuba ukusebenzisa icocaine ebudeni bokumitha bekusisifo, umphumo wayo kwiintsana ubuya kugqalwa ungamanqam asongela ezempilo zelizwe.”
Iindidi ezithile zabasebenzisi beziyobisi zikwasengozini enkulu yokuba noGawulayo. Yaye iingxaki ezininzi zempilo ziye zanxulunyaniswa nokusebenzisa kakubi iziyobisi ezixutyiweyo, ezinjengeamphetamines, ibarbiturates, izithomalalisi ‘neziyobisi zabayili’ ezingaqhelekanga.
Kanti, phezu kwazo nje iingozi ezaziwayo, abantu basahendelwa ekusebenziseni iziyobisi. Abantu abazisebenzisela ukuziyolisa bazifumanisa iziyobisi ezinjalo zivuselela. Sekunjalo, iingozi zibakho ngokwenene. Kufana nokuqhubela inqanawa ethwele ioli esihlabeni esifihlakele ngaphantsi kwamanzi—intlekele inokwenzeka ngokuqinisekileyo.
Umzimba Wakho—‘Idini Eliphilileyo’
Umgaqo ovakaliswe ngumpostile uPawulos kwabaseRoma 12:1 ubhekisela ngamandla kulo mbandela. Uthi: “Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo: ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo: inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni.” AmaKristu afanele anikele amadini anentsingiselo engakumbi kakhulu kunamadini ezilwanyana ayefuneka kuhlanga lwamandulo lukaSirayeli.
Okuphawulekayo kukusebenzisa kukaPawulos ibinzana eliguqulelwe ngokuthi “idini eliphilileyo, elingcwele” (thy·siʹan zoʹsan ha·giʹan). Ngokwabaphengululi beBhayibhile abahlukahlukeneyo, la magama anale ntsingiselo ilandelayo: UmSirayeli wayezisa isilwanyana esibuleweyo ukwenzela idini. Sasingenakunikelwa kwakhona. Ngokwahlukileyo koko, umKristu ufanele azinikele ngawo onke amandla akhe aphilileyo ‘ephila.’ (Uhlobo lwesenzi sesiGrike esiguqulelwe ngokuthi “eliphilileyo” ngamanye amaxesha sinokuthetha “ukuba sempilweni.”) Yaye kanye njengoko umSirayeli wayalelwe ukunikela ngesilwanyana esasiqhwalela okanye esinesinye isiphene, umKristu unikela kuThixo awona mandla okwenza izinto. Yaye ekubeni umKristu engenakwenza nantoni na engenamzimba, zonke izenzo neengcinga zakhe kuquka isixhobo sokwenza ezo zinto—umzimba wakhe—zifanele zinikelwe kuphela kuThixo. Oku kuba sisenzo sokuzahlulela okupheleleyo. Akasenzi bango ngaye. Ngaloo ndlela, ubomi bakhe bulidini lokwenyaniso, kungekhona ngokwesithethe sonqulo.
Ngenxa yoko, uPawulos wayekhuthaza amaKristu enkulungwane yokuqala, ngoxa ayesaphila emhlabeni, ukuba asebenzise amandla awo, impilo yawo kunye naziphi na iitalente okanye iziphiwo awayenazo kwinkonzo yomphefumlo wonke kuThixo. (Kolose 3:23) Ayefanele anikele kuYehova okona kulungileyo awayenokukunikela ngokwenyama nangokwengqondo. UThixo wayeya kukholiswa kakhulu ngamadini anjalo.
Noko ke, wayeya kusabela njani uThixo ukuba ayethe ngabom azibandakanya kuqheliselo oludodobalisa amandla awo omzimba okanye awengqondo nolude lunciphise ubomi bawo? Ngaba amaKristu ayeya kwaphula umthetho aze azibeke engozini yokunciphisa ukufaneleka kwawo kubulungiseleli bukaThixo? Uqheliselo olungcolileyo lwalunokuwenza angakufanelekeli ukuba ngabalungiseleli yaye lude luphumele ekubeni agxothwe ebandleni lamaKristu.—Galati 5:19-21.
Namhlanje, kuyinto eqhelekileyo kwihlabathi lonke ngabantu ukusebenzisa kakubi iziyobisi. Ngaba umntu unokuzisebenzisa iziyobisi ezinjalo ngenjongo yokuziyolisa aze sekunjalo awunikele umzimba wakhe ‘njengedini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo’? Asilulo nje kuphela uphando lwezamayeza namava angabalekiyo emiphumo etshabalalisayo kodwa nemigaqo yeBhayibhile inikela impendulo ecacileyo—enguhayi!
[Umfanekiso okwiphepha 30]
“Intshayi yesiyobisi”—nguN. C. Wyeth, 1913