Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
UYehova Uyabasikelela Abo Bazingisayo
AMANGQINA KAYEHOVA aziva enothando olunzulu ngoYehova uThixo yaye ebophelelekile ngabantu abangoowabo, olubaqhubela ekubeni bazame ukunika wonk’ ubani ithuba lokuva iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. (Mateyu 24:14) Kungenxa yoko le nto wathi omnye udade wazimisela ukushumayela kumajoni neentsapho zawo kwindawo ebiyelweyo yasemkhosini kummandla akuwo.
Sihlandlo ngasinye ezama, wayesalelwa ukungena ngumphathi osebenzayo ngelo xesha. Ubalisa athi: “Ngoko ndagqiba ekubeni ndibone igosa eliphetheyo, umphathi-mikhosi. Xa ndatsalela unobhala wakhe umnxeba, akazange avume ukuba ndithethe nomphathi-mikhosi. Ndaceba ukuba ndityelele umphathi-mikhosi ekhayeni lakhe, kuba wayengahlali kule ndawo ahlala kuyo amajoni. Xa ndenjenjalo, wandibuza apho ndandivela khona. Ngethamsanqa, ndazalelwa kwisiqithi esincinane saseFiji. Wasiphulaphula ngentlonelo isicelo sam waza wathi wakhe weva ngamaNgqina kaYehova kodwa akazange achazelwe ngomsebenzi wethu. Oku kwandinika ithuba elimangalisayo lokuba ndinikele ubungqina kuye, yaye wamkela kum amancedo amathathu okufundisisa iBhayibhile. Wandixelela ukuba ndifike eofisini yakhe kwindawo ehlala amajoni ngeyesi-9:00 a.m. ngoLwesibini weveki elandelayo. Xa mna nomnye udade safikayo abalindi babesele bexelelwe ngotyelelo lwethu baza basixelela ukuba siyinikiwe imvume yokuba sishumayele kwindawo leyo ehlala amajoni. Umphathi wabalindi wathi: ‘Ngoku ndazise bonke abaphathi bamajoni ukuba ngoLwesihlanu zonke iingcango ziza kuvulwa kusenzelwa nina, yaye nakubeni sonke sineecawa ezahlukahlukeneyo, eyenu inokuba yeyona ihlokomisa isilumkiso soBukumkani bamazulu nesiphelo sehlabathi.’
Lo dade uhlabela mgama esithi: “Xa safikayo ngoLwesihlanu, inqwelo enesandisi-lizwi yasemkhosini yajikeleza ikampu isazisa oku: ‘Oomama ababini abasele bekhulile baya kube bevakalisa isilumkiso kuni, ngoko ncedani nivule iingcango zenu nize nibaphulaphule. Ningabaphikisi okanye nibe nobutshaba nabo.’ Sasebenza ekampini ukususela nge-8:30 a.m. ukuya kutsho nge-5:00 p.m., sahambisa iincwadi ezili-100 namaphephancwadi angama-200. Waba yintoni umphumo? Saye senza amabuyelo amaninzi yaye saqalisa izifundo zeBhayibhile ezininzi.”
Kwesinye isiqithi esikuMzantsi Pasifiki ekuye kwathi kuso kutshanje oovulindlela abakhethekileyo baqalisa umsebenzi wokushumayela kukho amava abangel’ umdla. Aba vulindlela bakhethekileyo bachaswa ziinkokeli zeUnited Church. Ebudeni botyelelo lomveleli wesiphaluka, baba nengxaki yokwenza amatyelelo okubuyela, njengokuba inkosi yedolophana leyo, iphenjelelwe ziinkokeli zonqulo, yayingawavumeli amaNgqina kaYehova ukuba angene edolophini. Xa bafikayo, inkosi yayingekho, ngoko kwabizwa umntu onomdla kwaza kwanikelwa ubungqina obucokisekileyo kuye. Njengokuba babehamba, babona iphenyane elikhulu lisithi gqi, yaye ngokucacileyo lalinengxaki yenjini, ekubeni abantu babelibhexesha. Ewe, yayiyinkosi yedolophu eyafika emva kwexesha ukuze iphelise utyelelo lokubuyela. Ekubuyeleni kwabo ekhaya, oovulindlela bamxelela oku umveleli wesiphaluka: “Sicinga ukuba sisithunywa sezulu esaphula iphenyane layo.”
Ngoko uYehova wakusikelela ukuzingisa kwaba bazalwana ekuthobeleni umyalelo wakhe wokushumayela “ezi ndaba zilungileyo zobukumkani.”