Uya Kuthini Xa Ubuyela?
1 Ukuze siphumelele kubulungiseleli bethu kufuneka silungiselele ukuze xa sibuyela kwabo baye kwasekuqaleni nje babonisa umdla, sikwazi ukuwukhulisa umdla wabo size siqhubeke nencoko yethu. Sinokukwenza njani oku?
2 Ekubeni amaKristu okwenyaniso enomdla wokwenene kwabanye, usenokuqala ngokubhekisela koko ukuphawulileyo kumninimzi kutyelelo oludluleyo.
Kumntu oye wavakalisa ukuxhalabela kwakhe ulwaphulo-mthetho, usenokuthi:
◼ “Ukugqibelana kwethu wathi ukhathazwa kukwanda okuphawulekayo kolwaphulo-mthetho. Ngaba ucinga ukuba ukuqesha amapolisa angakumbi kunokuyicombulula le ngxaki?”
Ukuba umntu wavakalisa inkxalabo anayo ngenxa yeziganeko zakutshanje zehlabathi, usenokuthi:
◼ “Ukugqibelana kwethu wakhankanya ingongoma ebalulekileyo yokungabikho koxolo ehlabathini. Ngaba ucinga ukuba iinkokeli zehlabathi ziya kuzisa inkqubo entsha yehlabathi?”
Kumntu okhathazwa kukuzingca kwabanye, usenokuthi:
◼ “Ukugqibelana kwethu wakhankanya ingongoma ebalulekileyo ngokuphathelele ukubawa esikubonayo ebantwini ngokubanzi. Ucinga ukuba uThixo ukujonga njani ukubawa kwabantu? [Mvumele aphendule.] Phawula oko iBhayibhile ikutshoyo kwabase-Efese 5:5.”
3 Amanye amazwi aye asetyenziswa ngokunempumelelo aquka la alandelayo:
◼ “Ndayinandipha kakhulu incoko yethu yexa edluleyo, ngoko ndiye ndenza uphando olufutshane kulo mbandela ukuze ndikubonise indlela uYehova ayijonga ngayo intlungu yabangenamakhaya. Phawula uIsaya 65:21-23.”
◼ “Ndawanandipha amagqabaza akho okuba uluntu lufuna urhulumente olunge ngakumbi.”
◼ “Wabuza umbuzo obangel’ umdla wokuba enoba zonke iinkonzo ziyamkholisa uThixo kusini na.”
◼ “Uye wandenza ndazikisa ukucinga ngento obuyithetha ngokumiselwa kwekamva kwangaphambili.”
◼ “Bendicinga ngencoko yethu, yaye kukho ingongoma kwincwadi ethi Iindaba Ezilungileyo—Zokonwabisa Wena endicinga ukuba uya kuyinandipha. [Usenokumbonisa umninimzi iingongoma ozikhethileyo kuloo ncwadi.]”
◼ Iintshayelelo ezinjengezi zibonisa ukuba sayixabisa incoko yethu yangaphambili kwanokuba sinomdla wokuthetha nomninimzi kwakhona.
4 Ngaphambi kokwenza ibuyelo, cingisisa ngoko uza kukuthetha. Cinga ngentshumayelo oza kuyisebenzisa kumntu ngamnye.
5 Ukuba umntu esimtyeleleyo uxakekile, sisekwanokuphumelela ngokuthi:
◼ “Ndiyazi ukuba unemizuzwana embalwa kuphela, kodwa nantsi into onokucinga ngayo ngoxa ugqibezela umsebenzi wakho. [Funda uMateyu 5:3.]”
Okanye usenokuthi:
◼ “Ndikubhalele ezi zibhalo zithathu. Ekubeni eli ingelothuba lifanelekileyo lokuba sithethe, mandizishiye, yaye xa ndibuya, ndingathanda ukuchitha imizuzu emihlanu ndixubusha ngazo kunye nawe.”
6 Iintshayelelo Ezinganiki Mdla Ekufuneka Siziphephe: Imibuzo enokumenza angabi namdla okanye enokumxakanisa ngandlel’ ithile umninimzi ngokufuthi ayidli ngakuba namiphumo mihle. Le mibuzo iquka le ilandelayo: “Ngaba uwufundile umbandela ebendikushiyele wona?” “Ngaba unemibuzo?” “Ngaba usandikhumbula?” “Ndithe mandivele ukuze ndibuze enoba usenomdla wokuthetha ngeenjongo zikaThixo ngalo mhlaba kusini na.”
7 Siya kuba nolangazelelo lokubuyela kubantu abebebonakalise umdla ngaphambili ukuba silungiselela kwangaphambili ukubanceda ngokwenene.