Iintshayelelo Onokuzisebenzisa
IMboniselo Oktobha 1
“Sibonisa bonke abamelwane le Mboniselo ibangela umdla. [Mbonise iphepha lokuqala.] Abanye abantu bacinga ukuba ukuthandaza yinkcitha xesha kuba akukho mntu uphulaphulayo. Abanye bakholelwa ukuba uThixo uyayiva imithandazo yabo. Ucinga ntoni wena? [Mvumele aphendule.] Khawuve oko kutshiwo yiBhayibhile ngomthandazo. [Funda uIsaya 30:19.] Le magazini inobungqina bokuba uThixo uyayiva aze ayiphendule imithandazo eyenziwe kakuhle neyezinto ezilungileyo.”
UVukani! Oktobha
“Sityelela abamelwane bethu ngenxa yokuba uninzi lwabo luyazibuza ukuba kutheni uThixo evumela iintlungu. Ngaba ucinga ukuba kukungabi nambeko ukubuza uThixo imibuzo enjengale? [Mvumele aphendule.] UYobhi owayelilungisa wayenomnqweno wokubuza uThixo. [Funda uYobhi 23:3-5.] Le magazini ithetha ngemibuzo emithathu abantu abaninzi ebebenokuyibuza kuThixo, ukuba ithuba belikhona, neempendulo ezanelisayo eziseBhayibhileni.”