EkaDavide.
א [ʼAʹleph]
37 Musa ukuzibonisa uvutha ngumsindo ngenxa yabenzi bobubi.+
Musa ukubamonela abo benza okungebobulungisa.+
2 Kuba baya kubuna ngokukhawuleza njengengca,+
Baze njengengca entsha eluhlaza baphelelwe.+
ב [Behth]
3 Kholosa ngoYehova wenze okulungileyo;+
Hlala emhlabeni, uqhube ngokuthembeka.+
4 Ziyolise ngokugqibeleleyo ngoYehova,+
Yaye uya kukunika izicelo zentliziyo yakho.+
ג [Giʹmel]
5 Yiqengqele kuYehova indlela yakho,+
Uze uthembele ngaye,+ kwaye yena uya kwenza.+
6 Ngokuqinisekileyo uya kubuzisa njengokukhanya ubulungisa bakho,+
Nokusesikweni kwakho njengemini emaqanda.+
ד [Daʹleth]
7 Yithi cwaka phambi koYehova+
Uze ulindele kuye ngolangazelelo.+
Musa ukuvutha ngumsindo nakubani na owenza indlela yakhe iphumelele,+
Kwindoda ephumeza iingcamango zayo.+
ה [Heʼ]
8 Wuyeke umsindo uyishiye ingqumbo;+
Musa ukuvutha ngumsindo uze wenze ububi.+
9 Kuba abenzi bobubi baya kunqunyulwa,+
Kodwa abathembela kuYehova baya kuwudla ilifa umhlaba.+
ו [Waw]
10 Kusele ithutyana, angabikho ongendawo;+
Uya kuyikhangela indawo yakhe, abe engekho.+
11 Kodwa abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba,+
Baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.+
ז [Zaʹyin]
12 Ongendawo wenzela ilungisa iyelenqe,+
Yaye ulitshixizela amazinyo.+
13 UYehova uya kumhleka,+
Kuba uyabona ukuba ngokuqinisekileyo imini yakhe iyeza.+
ח [Chehth]
14 Abangendawo balirholile ikrele nesaphetha sabo basigobile,+
Ukuze bawise oxhwalekileyo nalowo ulihlwempu,+
Ukuze babulale ngogonyamelo abo bathe tye endleleni yabo.+
15 Ikrele labo liya kungena kweyabo intliziyo,+
Nezaphetha zabo ziya kwaphulwa.+
ט [Tehth]
16 Kulunge ngakumbi okuncinane kwelungisa+
Kunentabalala yabaninzi abangendawo.+
17 Kuba iingalo zabangendawo ziya kwaphulwa,+
Kodwa uYehova uya kubaxhasa abangamalungisa.+
י [Yohdh]
18 UYehova uyayiqonda imihla yabo bangenamposiso,+
Nelifa labo liya kuqhubeka ukusa kwixesha elingenammiselo.+
19 Abayi kudaniswa ngexesha lentlekele,+
Nangemini yendlala baya kwaneliswa.+
כ [Kaph]
20 Kuba abangendawo baya kutshabalala,+
Yaye iintshaba zikaYehova ziya kuba njengokuxabiseka kwamadlelo;
Zimele zifikelele esiphelweni sazo.+ Zimele ziphele njengomsi.+
ל [Laʹmedh]
21 Ongendawo uyaboleka angabuyisi,+
Kodwa olilungisa uyababala aze anikele izipho.+
22 Kuba abo basikelelwayo nguye baya kuwudla ilifa umhlaba,+
Kodwa abo baqalekisiweyo nguye baya kunqunyulwa.+
מ [Mem]
23 UYehova uwalungisile amanyathelo endoda eyomeleleyo,+
Yaye uyayoliswa yindlela yayo.+
24 Nangona isenokuwa, ayiyi kuphoswa phantsi,+
Kuba uYehova uyasixhasa isandla sayo.+
נ [Nun]
25 Ndakha ndangumfana, kungokunje ndimdala,+
Kodwa andikaboni nabani na olilungisa eshiywe ngokupheleleyo,+
Nenzala yakhe ifuna isonka.+
26 Imini yonke uyababala yaye uyabolekisa,+
Ngoko inzala yakhe imele ifumane iintsikelelo.+
ס [Saʹmekh]
27 Suka kokubi wenze okulungileyo,+
Uze uhlale ukusa kwixesha elingenammiselo.+
28 Kuba uYehova ngumthandi wokusesikweni,+
Yaye akayi kubashiya abanyanisekileyo bakhe.+
ע [ʽAʹyin]
Ngokuqinisekileyo baya kulindwa ukusa kwixesha elingenammiselo;+
Kodwa yona inzala yabo bangendawo iya kunqunyulwa.+
29 Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba,+
Ahlale kuwo ngonaphakade.+
פ [Peʼ]
30 Ngumlomo welungisa othetha ubulumko ngesandi esiphantsi,+
Yaye lulwimi lwakhe oluthetha okusesikweni.+
31 Umthetho kaThixo wakhe usentliziyweni yakhe;+
Amanyathelo akhe akayi kuhexa.+
צ [Tsa·dhehʹ]
32 Ongendawo uhlala emlalele olilungisa+
Yaye ufuna ukumbulala.+
33 Ke yena uYehova, akayi kumshiyela esandleni sakhe,+
Yaye akayi kumvakalisa engongendawo xa egwetywa.+
ק [Qohph]
34 Thembela ngoYehova ugcine indlela yakhe,+
Uya kukuphakamisa uwudle ilifa umhlaba.+
Xa abangendawo benqunyulwa, uya kubona.+
ר [Rehsh]
35 Ndimbonile ongendawo enguzwilakhe+
Exanda njengomthi onabileyo kumhlaba wemvelo.+
36 Sekunjalo wadlula, akabikho;+
Ndaza ndaqhubeka ndimfuna, akafunyanwa.+
ש [Shin]
37 Mlinde ongenakusoleka uze umkhangele othe tye,+
Kuba ikamva laloo mntu liya kuba leloxolo.+
38 Kodwa ngokuqinisekileyo abanxaxhayo baya kubhujiswa ndawonye;+
Ikamva labantu abangendawo liya kunqunyulwa.+
ת [Taw]
39 Usindiso lwamalungisa luvela kuYehova;+
Uyinqaba yawo ngexesha lokubandezeleka.+
40 Yaye uYehova uya kuwanceda awasindise.+
Uya kuwasindisa kubantu abangendawo,+
Kuba asabela kuye.+