-
Daniyeli 12:1INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
12 “Ngelo xesha uya kusuka eme uMikayeli,+ inkosana enkulu+ emela+ oonyana babantu bakowenu.+ Kwaye ngokuqinisekileyo kuya kubakho ixesha lokubandezeleka ekungazange kubekho linjengalo ukususela oko lwabakhoyo uhlanga kude kube lelo xesha.+ Ngelo xesha ke abantu bakowenu baya kusinda,+ bonke abo bafunyenwe bebhaliwe encwadini.+
-
-
ISityhilelo 17:8INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
8 Irhamncwa owalibonayo lalikho,+ kodwa alikho, ukanti sele liza kunyuka liphume enzonzobileni,+ yaye liza kuya entshabalalweni. Baya kumangaliswa bancome abo bemiyo phezu komhlaba, xa belibona eli rhamncwa elaye likho, elingekhoyo, likho noko, kodwa amagama abo akabhalwanga kumsongo wobomi+ ukususela ekusekweni kwehlabathi.+
-