IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 28:45
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 45 “Zoza ke ngokuqinisekileyo phezu kwakho ezi ziqalekiso zonke,+ zikusukele, zikufumane ude ubhubhe,+ ngokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wakho ukuba uyigcine imiyalelo yakhe nemimiselo yakhe akuyalele yona.+

  • 2 Kumkani 2:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 Ekugqibeleni wajika waza wawabona, wawaqalekisa+ egameni likaYehova. Kwandula ke kwaphuma iimazi zamabhere ezimbini+ phakathi kwemithi, zaqwenga kubo abantwana abangamashumi amane anesibini.+

  • Hezekile 18:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 “‘Ke kaloku xa lowo ulilungisa ebuya ebulungiseni bakhe aze okunene enze okungekho sikweni;+ enze ngokwezinto zonke ezicekisekayo ezenziwe+ ngulowo ungendawo aze aphile, akukho nasinye kuzo zonke izenzo zakhe zobulungisa azenzileyo esiya kukhunjulwa.+ Ngenxa yokungathembeki akwenzileyo nangenxa yesono one ngaso, ngenxa yoko uya kufa.+

  • Malaki 2:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 “Nam ke ngokuqinisekileyo ndiya kunenza nideleke nize nithotywe ebantwini bonke,+ ngokuba ningazigcinanga iindlela zam, kodwa nakhetha ubuso emthethweni.”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share