4 Ngenxa yoko uAhabhi wafika endlwini yakhe, engatyhilekanga yaye edakumbile ngenxa yelizwi elalithethwe nguNabhoti umYizereli kuye, xa wathi: “Andiyi kukunika ilifa lookhokho bam.” Wandula ke walala kwisingqengqelo kwaye wahlala ebujikile ubuso bakhe,+ akadla sonka.