IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Eksodus 34:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Wandule uthabathele oonyana bakho+ ezintombini zabo, zize ngokuqinisekileyo iintombi zabo zibe neentlobano zokuziphatha okubi kunye noothixo bazo zize zibenze nabo oonyana bakho babe neentlobano zokuziphatha okubi kunye noothixo bazo.+

  • Yoshuwa 23:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 “Kodwa ukuba niye najika,+ nanamathela kwezi ntlanga ziseleyo,+ ezi zisele nani, nendiselana+ kunye nazo, nangena phakathi kwazo, nazo phakathi kwenu,

  • Ezra 9:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Ke kaloku iintombi zenu ningaziniki oonyana bazo,+ neentombi zazo ningazamkeleli oonyana benu; ningasebenzeli uxolo lwazo+ nempumelelo yazo kuse kwixesha elingenammiselo, ukuze nomelele+ nize ngokuqinisekileyo nidle okulungileyo kwelo lizwe yaye nilithabathe libe lilifa loonyana benu ukusa kwixesha elingenammiselo.’+

  • Ezra 10:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 Wandula uShekaniya unyana kaYehiyele+ wakoonyana bakaElam+ waphendula waza wathi kuEzra: “Thina—senze ngokungathembeki nxamnye noThixo wethu, kangangokuba abafazi basemzini abavela kwizizwana zeli lizwe sibanike indawo yokuhlala.+ Ke kaloku kukho ithemba+ ngoSirayeli ngokuphathelele oku.

  • 2 Korinte 6:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Musani ukubotshwa edyokhweni kunye nabangakholwayo.+ Kuba bunabubudlelane buni na ubulungisa nokuchas’ umthetho?+ Okanye kunakwabelana kuni na ukukhanya nobumnyama?+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share