Numeri 35:33 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 33 “‘Nize ningalingcolisi ilizwe enikulo; kuba ligazi elingcolisa ilizwe,+ yaye ilizwe alinakucanyangushelwa ngenxa yegazi eliphalaziweyo kulo ngaphandle kwangegazi lalowo uliphalazileyo.+ Duteronomi 19:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 ukuze kungaphalazwa gazi limsulwa+ phakathi kwelizwe lakho akunika lona uYehova uThixo wakho njengelifa, nokuze ungabi netyala legazi.+ 2 Kumkani 21:16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 16 Kwakukho negazi elimsulwa elininzi elaphalazwa+ nguManase, de wayizalisa iYerusalem ukusuka kwelinye icala kuse kwelinye, ngaphandle kwesono sakhe awamonisa ngaso uYuda ngokwenza okubi emehlweni kaYehova.+ INdumiso 106:38 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 38 Ngoko baphalaza igazi elimsulwa,+Igazi loonyana babo neentombi zabo,Ababingelela ngazo kwizithixo zakwaKanan;+Nelizwe langcoliswa luphalazo-gazi.+ Yeremiya 2:34 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 34 Emibhinqweni yakho kufunyenwe amabala egazi lemiphefumlo+ yamahlwempu amsulwa.+ Andiwafumananga kwisenzo sokuqhekeza, kodwa akuyo yonke le.+ Yeremiya 19:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 ngenxa yokuba bandishiyile+ baza le ndawo bayenza ayaqondakala+ yaye baqhumisela imibingelelo kwabanye oothixo abangazange babazi,+ bona nookhokho babo nookumkani bakwaYuda; kwaye le ndawo bayizalise ngegazi labamsulwa.+ Yeremiya 22:17 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 17 ‘Ngokuqinisekileyo amehlo akho nentliziyo yakho akakho ntweni ngaphandle kwenzuzo yakho yokungekho sikweni,+ nasegazini lalowo umsulwa ukuze uliphalaze,+ nasekuqhatheni nasekuphangeni ukuze ukwenze oko.’
33 “‘Nize ningalingcolisi ilizwe enikulo; kuba ligazi elingcolisa ilizwe,+ yaye ilizwe alinakucanyangushelwa ngenxa yegazi eliphalaziweyo kulo ngaphandle kwangegazi lalowo uliphalazileyo.+
10 ukuze kungaphalazwa gazi limsulwa+ phakathi kwelizwe lakho akunika lona uYehova uThixo wakho njengelifa, nokuze ungabi netyala legazi.+
16 Kwakukho negazi elimsulwa elininzi elaphalazwa+ nguManase, de wayizalisa iYerusalem ukusuka kwelinye icala kuse kwelinye, ngaphandle kwesono sakhe awamonisa ngaso uYuda ngokwenza okubi emehlweni kaYehova.+
38 Ngoko baphalaza igazi elimsulwa,+Igazi loonyana babo neentombi zabo,Ababingelela ngazo kwizithixo zakwaKanan;+Nelizwe langcoliswa luphalazo-gazi.+
34 Emibhinqweni yakho kufunyenwe amabala egazi lemiphefumlo+ yamahlwempu amsulwa.+ Andiwafumananga kwisenzo sokuqhekeza, kodwa akuyo yonke le.+
4 ngenxa yokuba bandishiyile+ baza le ndawo bayenza ayaqondakala+ yaye baqhumisela imibingelelo kwabanye oothixo abangazange babazi,+ bona nookhokho babo nookumkani bakwaYuda; kwaye le ndawo bayizalise ngegazi labamsulwa.+
17 ‘Ngokuqinisekileyo amehlo akho nentliziyo yakho akakho ntweni ngaphandle kwenzuzo yakho yokungekho sikweni,+ nasegazini lalowo umsulwa ukuze uliphalaze,+ nasekuqhatheni nasekuphangeni ukuze ukwenze oko.’