IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 2 Kumkani 21:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Kwakukho negazi elimsulwa elininzi elaphalazwa+ nguManase, de wayizalisa iYerusalem ukusuka kwelinye icala kuse kwelinye, ngaphandle kwesono sakhe awamonisa ngaso uYuda ngokwenza okubi emehlweni kaYehova.+

  • 2 Kumkani 24:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 nangenxa yegazi elimsulwa+ awaliphalazayo, kangangokude azalise iYerusalem ngegazi elimsulwa, yaye uYehova akazange avume ukuxolela.+

  • INdumiso 106:38
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 38 Ngoko baphalaza igazi elimsulwa,+

      Igazi loonyana babo neentombi zabo,

      Ababingelela ngazo kwizithixo zakwaKanan;+

      Nelizwe langcoliswa luphalazo-gazi.+

  • Isaya 10:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 ukuze bashenxise izisweli etyaleni nokuze bahluthe okusesikweni kwabaxhwalekileyo babantu bam,+ ukuba abahlolokazi babe lixhoba labo, nokuze babe nokuphanga kwanamakhwenkwe angenayise!+

  • Isaya 59:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 Iinyawo zabo ziqhubeka zibalekela ngqo ebubini,+ yaye ziyakhawuleza ukuphalaza igazi elimsulwa.+ Iingcamango zabo ziingcamango ezenzakalisayo;+ ukuphanga nokuwisa ngoohola babo bendlela.+

  • Yeremiya 19:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 ngenxa yokuba bandishiyile+ baza le ndawo bayenza ayaqondakala+ yaye baqhumisela imibingelelo kwabanye oothixo abangazange babazi,+ bona nookhokho babo nookumkani bakwaYuda; kwaye le ndawo bayizalise ngegazi labamsulwa.+

  • Mateyu 23:35
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 35 ukuze libe phezu kwenu lonke igazi elinobulungisa elaphalazwa emhlabeni,+ ukususela kwigazi lika-Abheli+ olilungisa+ kuse kwigazi likaZekariya unyana kaBharakhiya, enambulalayo phakathi kwengcwele nesibingelelo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share