IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 28:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 “UYehova wokuthumela isiqalekiso,+ isiphithiphithi+ nokukhalinyelwa+ entweni yonke oyenzayo, ude ubhubhe, utshabalale ngokukhawuleza, ngenxa yoqheliselo lwakho olubi ngokuba undishiyile.+

  • 2 Kumkani 22:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 ngenxa yokuba beye bandishiya baza baqhumisa umbingelelo kwabanye oothixo+ ukuze bandicaphukise ngawo wonke umsebenzi wezandla zabo,+ yaye umsindo wam uyavutha nxamnye nale ndawo kwaye awuyi kucinywa.’”’+

  • Isaya 65:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 “Kodwa nina ningabo bamshiyayo uYehova,+ abo bayilibalayo intaba yam engcwele,+ abo bamisela ngolungelelwano uthixo weThamsanqa+ itafile nabo bazalisela uthixo weSihlo iwayini ephithikeziweyo.+

  • Yeremiya 2:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 ‘ngenxa yokuba kukho izinto ezimbini ezimbi abazenzileyo abantu bam: Bandishiyile mna,+ mthombo wamanzi aphilayo,+ ukuze bazimbele amaqula, amaqula aqhekekileyo, angenakuqulatha manzi.’

  • Yeremiya 15:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 “‘Wena undilahlile,’+ utsho uYehova. ‘Uhamba ngendlela eya ngasemva.+ Kwaye ndiya kusolula nxamnye nawe isandla sam ndize ndikonakalise.+ Ndidiniwe kukuzisola.+

  • Yeremiya 17:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Owu Yehova, themba likaSirayeli,+ bonke abo bakushiyayo baya kuhlaziswa.+ Abo bawexukayo kum+ baya kubhalwa phantsi emhlabeni, ngenxa yokuba bawushiyile umthombo wamanzi aphilayo, uYehova.+

  • Daniyeli 9:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 5 sonile,+ senza ububi, senza ngokungendawo saza savukela;+ yaye siphambukile kwimiyalelo yakho nakwimimiselo yakho.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share