8 UElisha wayethethe nomfazi awaphilisa unyana wakhe,+ esithi: “Suka uhambe, wena nendlu yakho, uze uhlale njengomphambukeli naphi na apho unokuhlala khona njengomphambukeli;+ kuba uYehova ubize indlala,+ yaye, ngaphezu koko, iya kulifikela ilizwe iminyaka esixhenxe.”+