10 Ke yena uAmasa, wayengalilumkelanga ikrele elalisesandleni sikaYowabhi; ngokokuze amhlabe+ ngalo esiswini, aza amathumbu akhe aphalala emhlabeni, yaye akuzange kufuneke nokuba enze kwakhona kuye. Waba ke uyafa. Waza uYowabhi noAbhishayi umntakwabo basukela uShebha unyana kaBhikeri.