IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Numeri 23:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 Yabona, esi sizwana siya kusuka njengengonyama,

      Siphakame njengengonyama.+

      Asiyi kulala phantsi side sidle ixhoba,

      Sisele igazi lababuleweyo.”+

  • ABagwebi 14:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 5 Ngako oko uSamson wehla noyise nonina baya eTimna.+ Akufika kwizidiliya zaseTimna, kaloku, khangela! nantso ingonyama entsha enesingci igquma ize kumhlangabeza.

  • ABagwebi 14:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 Ngoko amadoda esixeko athi kuye ngosuku lwesixhenxe ngaphambi kokuba aye kwigumbi langaphakathi:+

      “Yintoni na emnandi ngakumbi kunobusi,

      Yaye yintoni na enamandla ngakumbi kunengonyama?”+

      Wathi kubo:

      “Ukuba beningalimanga ngethokazi lam lenkomo,+

      Ngeningalicombululanga iqhina lam.”+

  • Isaya 31:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Kuba utsho uYehova kum ukuthi: “Kanye njengoko ingonyama ibhavuma, kwanengonyama entsha enesingci,+ phezu kwexhoba layo, yakubizelwa ihlokondiba labalusi, ingaloyiki ilizwi labo okanye yothuswe yingxokolo yabo; ngokukwanjalo uYehova wemikhosi uya kuhla ukuze enze imfazwe eNtabeni yeZiyon naphezu kwenduli yayo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share