2 Kronike 36:17 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 17 Ngoko wanyusa nxamnye nabo ukumkani wamaKhaledi,+ owabulala abafana babo ngekrele+ endlwini yabo engcwele,+ akabanga namfesane ngamfana nangantombi inyulu, omdala okanye owalupheleyo.+ Yonk’ into wayinikela esandleni sakhe. Isaya 33:1 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 33 Yeha ke wena uphangayo, ube wena ngokwakho ungaphangwa, nawe wenza ngobuqhophololo, babe abanye bengenzi ngobuqhophololo kuwe!+ Wakugqiba ukuphanga, uya kuphangwa.+ Wakugqiba ukwenza ngobuqhophololo, baya kwenza ngobuqhophololo nakuwe.+ Yeremiya 25:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 “‘Kothi ke yakuzaliseka iminyaka engamashumi asixhenxe+ ndimphendulise ukumkani waseBhabhiloni nolo hlanga,’+ utsho uYehova, ‘ngenxa yesiphoso sabo, kwanelizwe lamaKhaledi,+ kwaye ndiza kulenza inkangala ephanzileyo ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Yeremiya 50:17 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 17 “USirayeli unjengezimvu ezichithachithekileyo.+ Iingonyama zimenze wasasazeka.+ Ekuqaleni waqwengwa ngukumkani waseAsiriya,+ aza kamva amathambo akhe akrekrethwa nguNebhukaderetsare ukumkani waseBhabhiloni.+ Yakobi 2:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 Kuba lowo ungenanceba uya kugwetywa ngokungenanceba.+ Kodwa yona inceba iyasongamela isigwebo.
17 Ngoko wanyusa nxamnye nabo ukumkani wamaKhaledi,+ owabulala abafana babo ngekrele+ endlwini yabo engcwele,+ akabanga namfesane ngamfana nangantombi inyulu, omdala okanye owalupheleyo.+ Yonk’ into wayinikela esandleni sakhe.
33 Yeha ke wena uphangayo, ube wena ngokwakho ungaphangwa, nawe wenza ngobuqhophololo, babe abanye bengenzi ngobuqhophololo kuwe!+ Wakugqiba ukuphanga, uya kuphangwa.+ Wakugqiba ukwenza ngobuqhophololo, baya kwenza ngobuqhophololo nakuwe.+
12 “‘Kothi ke yakuzaliseka iminyaka engamashumi asixhenxe+ ndimphendulise ukumkani waseBhabhiloni nolo hlanga,’+ utsho uYehova, ‘ngenxa yesiphoso sabo, kwanelizwe lamaKhaledi,+ kwaye ndiza kulenza inkangala ephanzileyo ukusa kwixesha elingenammiselo.+
17 “USirayeli unjengezimvu ezichithachithekileyo.+ Iingonyama zimenze wasasazeka.+ Ekuqaleni waqwengwa ngukumkani waseAsiriya,+ aza kamva amathambo akhe akrekrethwa nguNebhukaderetsare ukumkani waseBhabhiloni.+