IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 1 Samuweli 15:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 “Ndiyazisola+ kuba ndibangele uSawule walawula njengokumkani, ngenxa yokuba uyekile+ ukundilandela, akawaphumeza namazwi am.”+ Kwambandezela oku uSamuweli,+ waza wakhala kuYehova ubusuku bonke.+

  • Isaya 1:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Yeha ke uhlanga olunesono,+ abantu abasindwa ziziphoso, imbewu yabenza ububi,+ oonyana abonakalisayo!+ Bamshiyile uYehova,+ bamphethe ngokungenantlonelo Lowo Ungcwele kaSirayeli,+ babuyele umva.+

  • Isaya 9:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Kungenxa yoko le nto uYehova engayi kuba nemihlali kwanangenxa yabafana babo,+ nakumakhwenkwe abo angenayise nakubahlolokazi babo akayi kuba nanceba; ngenxa yokuba bonke bangabawexuki+ nabenzi bobubi kwaye imilomo yonke ithetha oko kungenangqiqo. Ngenxa yako konke oku umsindo wakhe awubuyanga, kodwa isandla sakhe usasolulile.+

  • Yeremiya 2:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 ‘ngenxa yokuba kukho izinto ezimbini ezimbi abazenzileyo abantu bam: Bandishiyile mna,+ mthombo wamanzi aphilayo,+ ukuze bazimbele amaqula, amaqula aqhekekileyo, angenakuqulatha manzi.’

  • Hebhere 3:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Lumkani, bazalwana, kungaveli nakuwuphi na kuni onentliziyo engendawo eswele ukholo ngokuthi imke kuThixo ophilayo;+

  • Hebhere 10:38
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 38 “Kodwa owam yena lowo ulilungisa uya kuphila ngenxa yokholo,”+ yaye, “ukuba uthe wahlehla, umphefumlo wam awukholiswa nguye.”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share