Numeri 11:25 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 25 Wandula ke wehla uYehova ngelifu,+ wathetha kuye,+ wacaphula umoya okuye,+ wawubeka kwindoda nganye enkulu kulawo angamashumi asixhenxe. Wathi wakuhlala umoya phezu kwawo, aprofeta; kodwa akaphindanga kwakhona.+ Isaya 63:11 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 11 Waza lowo waqalisa ukukhumbula imihla yakudala, uMoses umkhonzi wakhe: “Uphi na Lowo wabanyusayo elwandle+ kunye nabalusi bomhlambi wakhe?+ Uphi na Lowo wabeka ngaphakathi kwakhe umoya Wakhe oyingcwele?+ Zekariya 4:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Ngako oko yaphendula yaza yathi kum: “Lilo eli ilizwi likaYehova kuZerubhabheli, lisithi, ‘“Akungamkhosi wamajoni,+ kungengamandla,+ kodwa kungomoya wam,”+ utsho uYehova wemikhosi. Yohane 14:16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 16 ndiza kumcela uBawo yaye uya kuninika omnye umncedi wokuba kunye nani ngonaphakade,+
25 Wandula ke wehla uYehova ngelifu,+ wathetha kuye,+ wacaphula umoya okuye,+ wawubeka kwindoda nganye enkulu kulawo angamashumi asixhenxe. Wathi wakuhlala umoya phezu kwawo, aprofeta; kodwa akaphindanga kwakhona.+
11 Waza lowo waqalisa ukukhumbula imihla yakudala, uMoses umkhonzi wakhe: “Uphi na Lowo wabanyusayo elwandle+ kunye nabalusi bomhlambi wakhe?+ Uphi na Lowo wabeka ngaphakathi kwakhe umoya Wakhe oyingcwele?+
6 Ngako oko yaphendula yaza yathi kum: “Lilo eli ilizwi likaYehova kuZerubhabheli, lisithi, ‘“Akungamkhosi wamajoni,+ kungengamandla,+ kodwa kungomoya wam,”+ utsho uYehova wemikhosi.