IZenzo
4 Ke kaloku ngoxa aba babini babethetha nabantu, kwafika ababingeleli abaziintloko nomphathi wetempile+ nabaSadusi,+ 2 becaphukile ngenxa yokuba babefundisa abantu yaye bevakalisa ngokucacileyo uvuko kwabafileyo ngoYesu;+ 3 yaye bababamba babafaka eluvalelweni kwada kwayimini elandelayo,+ kuba kwakusele kuhlwile. 4 Noko ke, abaninzi kwabo babephulaphule intetho bakholwa,+ yaye inani lamadoda laba malunga namawaka amahlanu.+
5 Ngemini elandelayo eYerusalem bahlanganiselwa ndawonye abalawuli babo namadoda amakhulu nababhali+ 6 (kwanoAnas+ umbingeleli oyintloko noKayafa+ noYohane noAleksandire nabo bonke abo babezizalamane zombingeleli oyintloko), 7 babamisa phakathi kwabo baza bababuza oku: “Nikwenza ngamandla mani na okanye ngegama likabani na oku?”+ 8 Wandula ke uPetros, ezaliswe ngumoya oyingcwele,+ wathi kubo:
“Balawuli babantu namadoda amakhulu, 9 ukuba ngalo mhla siyancinwa, ngokwenza okulungileyo kumntu ogulayo,+ mayela nalowo lo mntu aphiliswe ngaye, 10 makwazeke kuni nonke nakubo bonke abantu bakwaSirayeli, ukuba egameni likaYesu Kristu umNazarete,+ enambethelelayo+ kodwa uThixo wamvusa kwabafileyo,+ kungaye lo athe lo mntu wema apha phambi kwenu ephilile. 11 Yena ‘ulilitye elaphathwa nini bakhi njengelingabalulekanga eliye laba yintloko yembombo.’+ 12 Ngapha koko, akukho lusindiso kuye nabani na ongomnye, kuba alikho elinye igama+ phantsi kwezulu elinikelweyo phakathi kwabantu esimele ukusindiswa ngalo.”+
13 Ke kaloku bakubona ukuthetha ngokuphandle kukaPetros noYohane, baza baqonda ukuba babengabantu abangenamfundo nabaqhelekileyo,+ bamangaliswa. Baqonda ukuba babefudula bekunye noYesu;+ 14 yaye njengoko babekhangele kuloo mntu wayephilisiwe emi nabo,+ abazange babe nanto yakuyitsho ukubaphikisa.+ 15 Ngoko babayalela ukuba baphumele ngaphandle kweholo yeSanhedrin, baza babhunga, 16 besithi: “Siya kwenza ntoni na ngaba bantu?+ Ngenxa yokuba, enyanisweni, kwenzeke umqondiso ophawulekayo ngabo, lowo ubonakala kubo bonke abemi baseYerusalem;+ yaye asinakuwukhanyela. 17 Noko ke, ukuze ungasasazeki ngokubanzi ngokubhekele phaya phakathi kwabantu, masibaxelele ngezisongelo ukuba bangathethi kwakhona ngeli gama kuye nawuphi na umntu konke konke.”+
18 Ngako oko bababiza baza babayala ukuba, bangathethi nawaphi na amazwi okanye bafundise naphi na ngesizinzi segama likaYesu. 19 Kodwa ekuphenduleni uPetros noYohane bathi kubo: “Enoba kububulungisa kusini na emehlweni kaThixo ukuphulaphula nina kunoThixo, zigwebeleni ngokwenu. 20 Kodwa thina, asinakuyeka ukuthetha ngezinto esizibonileyo nesizivileyo.”+ 21 Ngoko, bakuba bebasongele ngokubhekele phaya, babakhulula, ekubeni bengazange bafumane nasiphi na isizathu abanokubohlwayela sona nangenxa yabantu,+ kuba bonke babemzukisa uThixo ngenxa yoko kwakwenzekile; 22 kuba umntu owawenzeke kuye lo mqondiso wokuphilisa wayeneminyaka engaphezu kwamashumi amane ubudala.
23 Emva kokukhululwa baya kubantu+ bakowabo baza bazixela ezo zinto babezitshilo kubo ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu. 24 Bakukuva oku baphakamisa amazwi abo kuThixo+ ngamxhelo mnye, bathi:
“Nkosi enguMongami,+ unguLowo walenzayo izulu nomhlaba nolwandle nazo zonke izinto ezikuzo,+ 25 nalowo ngomoya oyingcwele wathi ngomlomo wokhokho wethu uDavide,+ umkhonzi wakho, ‘Kwakutheni ukuze iintlanga zenze uqhushululu nezizwana zicamngce izinto ezilambathayo?+ 26 Ookumkani bomhlaba besuka bema nabalawuli babuthana ndawonye njengamntu mnye nxamnye noYehova nomthanjiswa wakhe.’+ 27 Kananjalo, uHerode noPontiyo Pilato+ kunye nabantu beentlanga kunye nezizwana zakwaSirayeli ngokwenene babehlanganisene ndawonye kwesi sixeko nxamnye nomkhonzi wakho ongcwele+ uYesu, lowo wamthambisayo,+ 28 ukuze benze ezo zinto isandla necebo lakho sazimisela kwangaphambili ukuba zibekho.+ 29 Yaye ngoku, Yehova, khawunikele ingqalelo kwizisongelo zabo,+ uze uwanike amakhoboka akho ukuba ahlale elithetha ilizwi lakho ngenkalipho yonke,+ 30 ngoxa usolula isandla sakho ukuba kuphiliswe nangoxa imiqondiso nemihlola+ isenzeka ngegama+ lomkhonzi wakho ongcwele+ uYesu.”
31 Bakuba benze isikhungo, indawo leyo babehlanganisene ndawonye kuyo yagungqiswa;+ yaye bonke bazaliswa ngumoya oyingcwele+ kwaye babelithetha ngenkalipho+ ilizwi likaThixo.
32 Ngaphezu koko, inkitha yabo babekholiwe yayintliziyo-nye, imphefumlo-mnye,+ yaye kwakungekho namnye owayengathi yeyakhe nayiphi na kwizinto awayenazo; kodwa babenazo zonke izinto ngokufanayo.+ 33 Kanjalo, ngamandla amakhulu abapostile baqhubeka benikela ubungqina ngovuko lweNkosi uYesu;+ yaye ububele obungasifanelanga babukubo bonke ngomlinganiselo omkhulu. 34 Enyanisweni, kwakungekho namnye owayeswele phakathi kwabo;+ kuba bonke ababenamasimi okanye izindlu babethengisa ngazo baze bazise amaxabiso ezinto ezithengisiweyo 35 yaye babewabeka ezinyaweni zabapostile.+ Kwakusabelwa+ ngamnye, kanye ngokokuswela kwakhe. 36 Ngoko uYosefu, owanikwa ifani enguBharnabhas+ ngabapostile, ethetha, xa iguqulelwe, uNyana weNtuthuzelo, umLevi, inzalelwane yaseSipro, 37 enesiqwenga somhlaba, wasithengisa yaye wayizisa imali waza wayibeka ezinyaweni zabapostile.+