Roma
2 Ngoko ke akunakungxengxezeleka, mntundini,+ nokuba ungubani na, ukuba uyagweba;+ kuba kwinto omgweba kuyo omnye, uzigwebela isohlwayo wena ngokwakho, kwanjengokuba wena lo ugwebayo+ uqhelisela izinto ezifanayo.+ 2 Ke siyazi ukuba umgwebo kaThixo, ngokuvumelana nenyaniso,+ unxamnye nabo baqhelisela izinto ezinjalo.
3 Kodwa wena, mntundini,+ ngaba ucinga ukuba ngoxa ugweba abo baqhelisela izinto ezinjalo ube usenza kwazona nawe, uya kuwubaleka na umgwebo kaThixo?+ 4 Okanye ngaba uyabudela kusini na ubutyebi bobubele+ nonyamezelo+ nokuzeka kade umsindo kwakhe,+ ngenxa yokuba ungazi ukuba ububele bukaThixo bukusa enguqukweni?+ 5 Kodwa ngenxa yokuba lukhuni+ kwakho nokuba nentliziyo engaguqukiyo+ uziqwebela ingqumbo+ ngomhla wengqumbo+ nowokutyhilwa+ komgwebo kaThixo wobulungisa.+ 6 Yaye uya kunika ngamnye ngokwemisebenzi yakhe:+ 7 ubomi obungunaphakade kwabo bafuna uzuko nembeko nokungabi nakonakala+ ngonyamezelo kumsebenzi olungileyo; 8 noko ke, kwabo banosukuzwano+ nabangayithobeliyo inyaniso+ kodwa bethobela intswela-bulungisa kuya kubakho ingqumbo nomsindo,+ 9 imbandezelo nenkxwaleko, kumphefumlo womntu wonke owenza okubi, owomYuda+ kuqala nowomGrike;+ 10 kodwa kuya kubakho uzuko nembeko noxolo kuye wonk’ ubani owenza okulungileyo,+ kumYuda kuqala+ nakumGrike.+ 11 Kuba akukho kukhetha buso kuThixo.+
12 Ngokomzekelo, bonke abo bona bengenamthetho baya kuthi kanjalo batshabalale bengenamthetho;+ kodwa bonke abo bona phantsi komthetho+ baya kugwetywa ngomthetho.+ 13 Kuba abo bawuvayo umthetho asingabo abangamalungisa phambi koThixo, kodwa abenzi+ bomthetho baya kuvakaliswa bengamalungisa.+ 14 Kuba xa sukuba abantu beentlanga+ abangenawo umthetho+ besenza ngemvelo izinto zomthetho,+ aba bantu, nangona bengenawo umthetho, bangumthetho kubo ngokwabo. 15 Bona babonakalisa ukuba umthetho ubhalwe ezintliziyweni zabo,+ nesazela+ sabo siyakungqina oko, yaye iingcamango zabo ziyabamangalela+ okanye zibangxengxezele. 16 Oku kuya kuba ngomhla waxa uThixo ngoKristu Yesu egweba+ izinto ezifihlakeleyo+ zoluntu,+ ngokuvumelana neendaba ezilungileyo endizivakalisayo.+
17 Ukuba, ke, ungumYuda ngegama+ yaye uthembele emthethweni+ kwaye uqhayisa ngoThixo,+ 18 ibe ukwazi ukuthanda kwakhe+ yaye ukholiswa zizinto ezibalaseleyo ngenxa yokuba uyalelwa ngomlomo ngokuphuma kuwo uMthetho;+ 19 kwaye weyisekile ukuba ungumkhokeli weemfama,+ ukhanyiselo lwabo basebumnyameni,+ 20 umlungisi wabo bangenangqiqo,+ umfundisi weentsana,+ yaye unesakhelo+ solwazi nesenyaniso+ kuwo uMthetho— 21 ngaba, noko ke, wena ufundisa uthile ongomnye, akuzifundisi na wena?+ Wena, ushumayela usithi “Uze ungebi,”+ ngaba uyeba na?+ 22 Wena, uthi “Uze ungakrexezi,”+ ngaba uyakrexeza na? Wena, ubonakalisa ukuzenyanya izithixo, ngaba uphanga+ iitempile na? 23 Wena, uqhayisa ngomthetho, ngaba uyamhlazisa na uThixo ngokwaphula kwakho uMthetho?+ 24 Kuba “igama likaThixo liyanyeliswa ngenxa yenu phakathi kweentlanga”;+ kanye njengoko kubhaliwe.
25 Ulwaluko,+ enyanisweni, luyingenelo kuphela ukuba uqhelisela umthetho;+ kodwa ukuba uyanxaxha emthethweni, ulwaluko+ lwakho lukukungaluki.+ 26 Ukuba, ke ngoko, umntu ongalukanga+ uyayigcina imilinganiselo yobulungisa+ yoMthetho, ukungaluki kwakhe kuya kubalwa njengolwaluko, akunjalo?+ 27 Yaye umntu ongalukanga abe enjalo ngemvelo uya kuthi, ngokuwuphumeza uMthetho, akugwebe wena+ othe nakuba unayo ingqokelela yemithetho ebhaliweyo kwanolwaluko wanxaxha kuwo umthetho. 28 Kuba umYuda akanguye ngokwangaphandle,+ nolwaluko asilulo olwangaphandle enyameni.+ 29 Kodwa umYuda unguye ngaphakathi,+ nolwaluko lwakhe lolo lwentliziyo+ ngawo umoya, kungekhona ngengqokelela yemithetho ebhaliweyo.+ Indumiso+ yalowo ivela, kungekhona ebantwini, kodwa kuThixo.+