Luka
6 Ke kaloku ngesabatha wadlula kumasimi okutya okuziinkozo, yaye abafundi bakhe babesikha+ kwaye besitya izikhwebu zokutya okuziinkozo, bezihlikihla ngezandla zabo.+ 2 Ngako oku bambi kubaFarisi bathi: “Kutheni nisenza okungekho mthethweni+ ngesabatha?”+ 3 Kodwa uYesu ekuphenduleni wathi kubo: “Anizange niyifunde na yona kanye into eyenziwa nguDavide+ xa yena nabantu ababekunye naye bathi balamba?+ 4 Indlela awangena ngayo endlwini kaThixo kwaye wafumana izonka ezingumboniso+ waza watya yaye zimbi wazinika abantu ababekunye naye, ekungekho mthethweni ngaye nabani na ukuzitya ngaphandle kwababingeleli kuphela?”+ 5 Yaye wahambisa wathi kubo: “UNyana womntu uyiNkosi yesabatha.”+
6 Ebudeni benye isabatha+ wangena kwindlu yesikhungu waza waqalisa ukufundisa. Yaye apho kwakukho umntu osandla sakhe sasekunene sasomile.+ 7 Babemlalele+ ke ababhali nabaFarisi ukubona enoba wayeza kuphilisa kusini na ngesabatha, ukuze bafumane indlela ethile yokummangalela.+ 8 Noko ke, wayezazi iingcinga zabo,+ kodwa wathi kumntu owayenesandla esomileyo: “Sukuma uze ume esazulwini.” Kwaye waphakama waza wema.+ 9 Wandula ke uYesu wathi kubo: “Ndiyanibuza, Kusemthethweni na ukwenza okulungileyo+ okanye ukwenza okubi, ukusindisa okanye ukutshabalalisa umphefumlo ngesabatha?”+ 10 Yaye emva kokubasingasinga bonke, wathi kulo mntu: “Yolula isandla sakho.” Wenjenjalo, saza isandla sakhe saphiliswa.+ 11 Kodwa bazaliswa ngumsindo, baza bambhunga uYesu.+
12 Ekuhambeni kweentsuku waphuma waya kuthandaza entabeni,+ yaye waqhubeka ethandaza kuThixo ubusuku bonke.+ 13 Kodwa kwakuba semini wababizela kuye abafundi bakhe waza wanyula phakathi kwabo abalishumi elinesibini, awabathiya ngokuthi “abapostile”:+ 14 USimon, awamthiya ngokuthi Petros,+ noAndreya umntakwabo, noYakobi noYohane,+ noFilipu+ noBhartolomeyu, 15 noMateyu noTomas,+ noYakobi unyana ka-Alfeyu, noSimon obizwa ngokuthi “lowo unenzondelelo,”+ 16 noYudas unyana kaYakobi, noYudas Skariyoti, owajika wangumngcatshi.+
17 Wehla kunye nabo waza wesuka wema kwindawo ethe tyaba, yaye apho kwakukho isihlwele esikhulu sabafundi bakhe, nenkitha enkulu yabantu+ ababevela kulo lonke elakwaYuda naseYerusalem nelizwe laseTire neSidon eligudle ulwandle, abezayo ukuze bamve baze baphiliswe kwizifo zabo.+ 18 Kwanabo babekhathazwa ngoomoya abangahlambulukanga baphiliswa. 19 Kwaye sonke isihlwele sasifuna ukumchukumisa,+ ngenxa yokuba amandla+ ayephuma kuye aze abaphilise bonke.
20 Waphakamisela amehlo akhe kubafundi bakhe waza wathi:+
“Ninoyolo nina mahlwempu,+ ngenxa yokuba bobenu ubukumkani bukaThixo.
21 “Ninoyolo nina nilambayo+ ngoku, ngenxa yokuba niya kuhluthiswa.+
“Ninoyolo nina nililayo ngoku, ngenxa yokuba niya kuhleka.+
22 “Ninoyolo xa sukuba abantu benithiyile,+ naxa sukuba benikhuphela bucala yaye beningcikiva kwaye beliphosela phandle+ igama lenu njengelingendawo ngenxa yoNyana womntu. 23 Yibani nemihlali ngaloo mini nize nixhumaxhume, kuba, khangelani! umvuzo wenu mkhulu ezulwini, kuba ezo zizinto ezifanayo ababefudula bezenza ookhokho babo kubaprofeti.+
24 “Kodwa yeha nina zityebi,+ ngenxa yokuba niyifumene ngokupheleleyo intuthuzelo yenu.+
25 “Yeha nina nihluthiyo ngoku, ngenxa yokuba niya kulamba.+
“Yeha, nina nihlekayo ngoku, ngenxa yokuba niya kuzila nize nilile.+
26 “Yeha, xa sukuba bonke abantu bethetha kakuhle ngani, kuba izinto ezinjengezi zezo ookhokho babo bazenzayo kubaprofeti bobuxoki.+
27 “Kodwa ndithi kuni niphulaphuleyo, Qhubekani nizithanda iintshaba zenu,+ nisenza okulungileyo+ kwabo banithiyayo, 28 nisikelela abo baniqalekisayo, nithandazela abo banithukayo.+ 29 Lowo ukubetha kwesinye isidlele,+ mnike kwanesinye; nakulowo uthabatha+ isambatho sakho sangaphezulu, musa ukwala kwanesambatho sangaphantsi. 30 Mnike wonk’ ubani okucelayo,+ nakulowo uthabatha izinto zakho musa ukubuya uzibize.
31 “Kanye njengoko nifuna abantu benze kuni, yenzani ngendlela efanayo kubo.+
32 “Yaye ukuba nithanda abo banithandayo, kuludumo luni na oko kuni? Kuba kwanaboni bathanda abo babathandayo.+ 33 Yaye ukuba nenza okulungileyo kwabo benza okulungileyo kuni, ngokwenene kuludumo luni na oko kuni? Kwanaboni benza okufanayo.+ 34 Ukuba nibolekisa ngaphandle kwenzala+ kwabo ninethemba lokufumana kubo, kuludumo luni na oko kuni? Kwanaboni babolekisa ngaphandle kwenzala kuboni ukuze bafumane kwakhona ngokukwanjalo.+ 35 Ngokwahlukileyo koko, qhubekani nizithanda iintshaba zenu yaye nisenza okulungileyo, nibolekisa+ ngaphandle kwenzala, ningathembe kubuyiselwa nantoni na; kwaye umvuzo wenu uya kuba mkhulu, yaye niya kuba ngoonyana bOyena Uphakamileyo,+ ngenxa yokuba unobubele+ kwabo bangenambulelo nabangendawo. 36 Qhubekani nisiba nenceba, kanye njengoko uYihlo enenceba.+
37 “Ngaphezu koko, musani ukugweba, yaye nani aniyi kugwetywa;+ musani ukugwebela isohlwayo, yaye nani aniyi kugwetyelwa isohlwayo. Hlalani nikhulula, yaye nani niya kukhululwa.+ 38 Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha.+ Baya kugalela kumasondo eengubo zenu umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlukuhliweyo nophuphumayo. Kuba ngomlinganiselo enilinganisela ngawo, baya kunilinganisela kwangawo nani.”+
39 Wandula ke wathetha kwanomzekeliso kubo esithi: “Imfama ayinakukhokela imfama, andibi kunjalo? Zombini ziya kweyela emhadini, akunjalo?+ 40 Umfundi akakho ngaphezu komfundisi wakhe, kodwa wonk’ ubani oyalelwa ngokugqibeleleyo uya kuba njengomfundisi wakhe.+ 41 Kutheni, ngoko, ukhangela udiza olukwiliso lomzalwana wakho, kodwa ungawuqwalaseli umqadi okwelakho iliso?+ 42 Ungatsho na kumzalwana wakho ukuthi, ‘Mzalwana, ndivumele ndikhuphe udiza olukwiliso lakho,’ ngoxa wena ngokwakho ungakhangeli kumqadi okwelakho iliso?+ Mhanahanisindini! Khupha kuqala umqadi okwiliso lakho,+ yaye uya kwandula ke ubone ngokucacileyo indlela yokukhupha udiza olukwiliso lomzalwana wakho.+
43 “Kuba akukho mthi mhle uvelisa isiqhamo esibolileyo; kwakhona akukho mthi ubolileyo uvelisa isiqhamo esihle.+ 44 Kuba umthi ngamnye waziwa ngesiqhamo sawo.+ Ngokomzekelo, abantu abahlanganisi amakhiwane emeveni, bengakhi neediliya kwityholo elinameva.+ 45 Umntu olungileyo uvelisa okulungileyo kubuncwane obulungileyo+ bentliziyo yakhe, kodwa umntu ongendawo uvelisa okungendawo kubuncwane bakhe obungendawo; kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.+
46 “Kutheni, ngoko, nindibiza ngokuthi ‘Nkosi! Nkosi!’ kodwa ningazenzi izinto endizitshoyo?+ 47 Wonk’ ubani oza kum nowevayo amazwi am aze awenze, ndiza kunibonisa lowo anjengaye:+ 48 Unjengomntu owakha indlu, owembayo, wehlela nzulu waza wabeka isiseko phezu kolwalwa. Ngenxa yoko, xa kwavela isikhukula,+ umlambo wantlaleka kuloo ndlu, kodwa wawungenamandla ngokwaneleyo ukuba uyigungqise, ngenxa yokwakhiwa kwayo kakuhle.+ 49 Kwelinye icala, lowo uvayo aze angenzi,+ unjengomntu owakha indlu phezu komhlaba ongenasiseko. Wantlaleka kuyo umlambo, yaye ngoko nangoko yawohloka, nomonakalo+ waloo ndlu waba mkhulu.”+