4 “IShiyol,” “IHadesi” Ingcwaba Eliqhelekileyo Loluntu; Elabafileyo
NgesiHebhere, שאול (sheʼohlʹ); NgesiGrike, ᾅδης (haiʹdes); NgesiLatini, in·ferʹnus; NgesiSiriyaki, shiul
Iindawo Ezingamashumi Amathandathu Anesithandathu Elivela Kuzo Igama Elithi Shiyol
Igama elithi “Shiyol” livela izihlandlo ezingama-66 kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha yeZibhalo zesiHebhere, ezizezi, Gen 37:35; 42:38; 44:29, 31; Num 16:30, 33; Dut 32:22; 1Sa 2:6; 2Sa 22:6; 1Ku 2:6, 9; Yob 7:9; 11:8; 14:13; 17:13, 16; 21:13; 24:19; 26:6; Nd 6:5; 9:17; 16:10; 18:5; 30:3; 31:17; 49:14, 14, 15; 55:15; 86:13; 88:3; 89:48; 116:3; 139:8; 141:7; IMi 1:12; 5:5; 7:27; 9:18; 15:11, 24; 23:14; 27:20; 30:16; INt 9:10; Ngo 8:6; Isa 5:14; [7:11]; 14:9, 11, 15; 28:15, 18; 38:10, 18; 57:9; Hez 31:15, 16, 17; 32:21, 27; Hos 13:14, 14; Amo 9:2; Yon 2:2; Hab 2:5.
Iindawo elivela kuzo igama elithi “Shiyol” kwiZibhalo zesiHebhere zigubungela ukuvela kwalo izihlandlo ezingama-65 kumbhalo weMasoretic yesiHebhere, nakwindawo enye kuIsaya 7:11, apho kubhalwe sheʼaʹlah, “cela,” kodwa ngokwahluke kancinane kubume bezikhamiso yaye ngokuvisisana neenguqulelo ezahlukahlukeneyo zamandulo ngusheʼoʹlah, “Sheolward,” okanye, “eShiyol.” Kuzo zonke iimeko INguqulelo Yehlabathi Elitsha isebenzisa igama elithi “Shiyol” ukuguqulela igama lesiHebhere elithi sheʼohlʹ. Ngokuqhelekileyo iSeptuagint yesiGrike iguqulela igama elithi sheʼohlʹ ngokuthi haiʹdes.
Ngoxa kuye kwanikelwa amagama aliqela elivela kuwo elesiHebhere elithi sheʼohlʹ, kubonakala ukuba lithatyathwe kwisenzi sesiHebhere esithi שׁאל (sha·ʼalʹ), esithetha “ukufuna” okanye “ukucela.” Oku kubonisa ukuba iShiyol yindawo (kungekhona imeko) efuna okanye ebiza wonke ubani ngokungakhethiyo, njengoko isamkelela kuyo abafileyo boluntu. (Bona iNW Ref. Bi., umbhalo osemazantsi weGen 37:35 nokaIsa 7:11.) Isemhlabeni ibe isoloko inxulunyaniswa nabafileyo, yaye ngokuphandle ithetha ingcwaba eliqhelekileyo loluntu, elabafileyo, okanye ummandla osemhlabeni (kungekhona elwandle) wabafileyo. Ngokwahlukileyo koko, igama lesiHebhere elithi qeʹver lithetha ingcwaba ngalinye okanye indawo yokungcwaba.—Gen 23:4, 6, 9, 20.
Iindawo Ezilishumi Elivela Kuzo Igama Elithi Hadesi
Igama elithi “Hadesi,” mhlawumbi elithetha “indawo engabonakaliyo,” livela izihlandlo ezilishumi kwiNguqulelo Yehlabahti Elitsha yeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, ezizezi, Mat 11:23; 16:18; Luk 10:15; 16:23; IZe 2:27, 31; ISi 1:18; 6:8; 20:13, 14.
KwiZenzo 2:27, ukucaphula kukaPetros INdumiso 16:10 kubonisa ukuba igama elithi Hadesi liyafana nelithi Shiyol ibe lisetyenziswa kwingcwaba eliqhelekileyo loluntu (ngokwahlukileyo kwigama lesiGrike elithi taʹphos, ingcwaba ngalinye). Igama lesiLatini elihlobene nelithi Hadesi lithi in·ferʹnus (maxa wambi inʹfe·rus). Lithetha “into engaphantsi; ummandla osezantsi,” yaye lisetyenziswa ngokufanelekileyo ekubhekiseleni kwelabafileyo. Ngaloo ndlela lihlobene ngokufanelekileyo negama lesiGrike nelesiHebhere.
KwiZibhalo eziphefumlelweyo igama elithi “Shiyol” nelithi “Hadesi” anxulunyaniswa nokufa nabafileyo, kungekhona nobomi nabaphilayo. (ISi 20:13) Wona ngokwawo la magama akanikeli ngcamango okanye into eyenza kucingwe ngoyolo okanye ngentlungu.