2 Samuweli
22 Wathetha ke uDavide amazwi ale ngoma+ kuYehova ngomhla uYehova awamhlangula ngawo entendeni yesandla seentshaba zakhe+ zonke nasentendeni yesandla sikaSawule;+ 2 yaye wahlabela mgama wathi:
“UYehova yingxondorha yam+ negwiba lam+ noMsindisi wam.+
3 UThixo wam liliwa lam.+ Ndiya kusabela kuye,
Ulikhaka lam+ nophondo lwam+ losindiso, indawo yam ephakamileyo nenqabisekileyo,+
Nendawo endisabela kuyo,+ uMsindisi wam;+ undisindisa kugonyamelo.+
5 Kuba ndarhawulwa ngamaza abulalayo;+
Kwakukho izikhukula zamadoda angamatshivela ezaziqhubeka zindinkwantyisa.+
7 Ekubandezelekeni kwam ndaqhubeka ndibiza kuYehova,+
Ndaqhubeka ndibiza kuThixo wam.+
Wandula ke yena esetempileni yakhe waliva ilizwi lam,+
Ngokukhalela kwam uncedo ezindlebeni zakhe.+
8 Umhlaba waqalisa ukugungqa nokunyikima uhexa;+
Neziseko zamazulu zaphazamiseka,+
Zaqhubeka zihexa ngenxa yokuba wayecaphukile.+
9 Kwenyuka umsi emathatheni akhe, yaye umlilo ophuma emlonyeni wakhe waqhubeka uqwenga;+
Amalahle aphuma kuye avutha.+
10 Wawathoba ke amazulu waza wehla;+
Yaye ngaphantsi kweenyawo zakhe kwakukho intsunguzi yesithokothoko.+
12 Wandula ke wabeka ubumnyama ngeenxa zonke kuye banjengeminquba,+
Amanzi amnyama, iingqimba zamafu.+
13 Ekuqaqambeni okuphambi kwakhe kwavutha amalahle omlilo avuthayo.+
15 Waqhubeka ethumela iintolo, ukuze abachithachithe;+
Umbane, ukuze avuse isiphithiphithi phakathi kwabo.+
16 Imiphantsi yemisinga yolwandle yabonakala,+
Iziseko zelizwe elinemveliso+ zatyhileka,
Ngokukhalima kukaYehova, ngokufutha kwempefumlo yamathatha akhe.+
18 Wandihlangula kutshaba lwam olomeleleyo,+
Kwabo bandithiyileyo; ngenxa yokuba babomelele ngakumbi kunam.+
26 Kulowo unyanisekileyo uya kwenza ngokunyaniseka;+
Uya kuqhubana nalowo ungenasiphoso, unamandla ngokungenasiphoso;+
27 Kulowo uzigcina ehlambulukile uya kuzibonakalisa uhlambulukile,+
Kulowo unobugwenxa uya kwenza njengongenangqiqo.+
28 Nabantu abathobekileyo uya kubasindisa;+
Kodwa amehlo akho anxamnye nabo banekratshi, ukuze ubathobe.+
31 Ke yena uTHIXO oyinyaniso, igqibelele indlela yakhe;+
Ilizwi likaYehova lisulungekile.+
Ulikhaka kubo bonke abo basabela kuye.+
33 UTHIXO oyinyaniso yinqaba yam eyomeleleyo,+
Yaye uya kuyenza igqibelele indlela yam,+
34 Esenza iinyawo zam zibe njengezamaxhamakazi;+
Yaye undigcina ndimi ezindaweni eziphakamileyo kum.+
37 Amanyathelo am uya kuwenzela indawo ebanzi ngokwaneleyo ngaphantsi kwam;+
Yaye ngokuqinisekileyo amaqatha am akayi kuhexa.+
39 Kwaye ndiya kuzitshabalalisa ndize ndizitshitshise,+ ukuze zingabi nakuphakama;+
Yaye ziya kuwa phantsi kweenyawo zam.+
40 Uya kundibhinqisa amandla okulwa idabi;+
Abo bandivukelayo uya kubenza bathi folokohlo phantsi kwam.+
41 Ke zona iintshaba zam, ngokuqinisekileyo uya kuzenza zindinikele umva;+
Abo bandithiye kakhulu—nabo ndiya kubathulisa.+
43 Ndiya kubaguba bacoleke njengothuli lomhlaba;
Ndiya kubacola njengodaka lwezitrato;+
Ndiya kubabetha bacoleke.
44 Kwaye uya kundisindisa ekuhlatyweni amadlala ngabantu bakowethu.+
Uya kundilondoloza ukuze ndibe yintloko ezintlangeni;+
Isizwana endingasazanga—siya kundikhonza.+
47 UYehova uyaphila;+ malibongwe ke iLiwa lam;+
Kwaye makaphakanyiswe uTHIXO oliliwa lokusindiswa kwam.+
48 UTHIXO oyinyaniso nguMniki wezenzo zempindezelo kum+
NaLowo wehlisela izizwana phantsi kwam,+
49 NaLowo undikhuphayo ezintshabeni zam.+
Yaye uya kundiphakamisa ngaphezu kwabo bandivukelayo;+
Uya kundihlangula kwindoda enezenzo zogonyamelo.+