Isaya
7 Ke kaloku kwathi ngemihla ka-Ahazi+ unyana kaYotham unyana kaUziya, ukumkani wakwaYuda, uRetsin+ ukumkani waseSiriya noPeka+ unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, weza eYerusalem ukuba alwe nayo, kodwa akakwazanga ukulwa nayo.+ 2 Kwanikelwa ingxelo endlwini kaDavide, kusithiwa: “ISiriya yayame ngoEfrayim.”+
Yaza intliziyo yakhe nentliziyo yabantu bakhe yaqalisa ukugubha, njengokushukunyiswa kwemithi yehlathi ngumoya.+
3 Waza wathi ke uYehova kuIsaya: “Khawuhambe, nceda, uhlangabeze uAhazi, wena noShehare-yashubhi+ unyana wakho, ekupheleni komsele wechibi+ eliphezulu ngakuhola wendlela ongasentsimini yomcoci weempahla.+ 4 Kwaye umele uthi kuye, ‘Zilinde uze uhlale ungaphazamiseki.+ Musa ukoyika, nentliziyo yakho mayingaphakuzeli+ ngenxa yeencam ezimbini zezi zikhuni ziqhumayo, ngenxa yokuvutha komsindo kaRetsin neSiriya nonyana kaRemaliya,+ 5 ngenxa yokuba iSiriya kunye ne-Efrayim nonyana kaRemaliya bacebe okubi ngawe, besithi: 6 “Masinyuke nxamnye nelakwaYuda size silahlukanise, sizithabathele lona ngokutyhoboza; yaye masimisele omnye ukumkani njengomlawuli ngaphakathi kwalo, unyana kaTabheheli.”+
7 “‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Oko akuyi kuma, kungayi kubakho.+ 8 Kuba intloko yeSiriya yiDamasko, nentloko yeDamasko nguRetsin; kwisithuba nje seminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu uEfrayim uya kwaphulwa angabi sisizwana.+ 9 Intloko yakwaEfrayim yiSamariya,+ nentloko yeSamariya ngunyana kaRemaliya.+ Ukuba aninalukholo, aniyi kuhlala ixesha elide.”’”+
10 Waza uYehova wahlabela mgama wathi kuAhazi: 11 “Zicelele umqondiso kuYehova uThixo wakho,+ uwenze nzulu njengeShiyol okanye uwenze uphakame njengemimandla ephezulu.” 12 Kodwa uAhazi wathi: “Andiyi kuwucela, ndingayi kumvavanya uYehova.”
13 Waza waqhubeka wathi: “Khanincede, niphulaphule, ndlu kaDavide. Kuyinto encinane na kuni ukudinisa abantu, ukude nidinise noThixo wam?+ 14 Ngoko ke uYehova ngokwakhe uya kuninika umqondiso: Khangelani! Intombi+ okunene iya kumitha,+ izale unyana,+ ize imbize ngegama elinguImanuweli. 15 Uya kudla ibhotolo nobusi ngexesha lokwazi kwakhe indlela yokugatya okubi nokunyula okulungileyo.+ 16 Kothi ngaphambi kokuba inkwenkwe leyo iyazi indlela yokugatya okubi nokunyula okulungileyo,+ ube umhlaba waba kumkani babini bankwantyisayo ushiywe ngokupheleleyo.+ 17 UYehova uya kukuzisela wena+ nabantu bakho nendlu kayihlo imihla ekungazange kubekho injengayo ukususela kumhla wokumka kukaEfrayim ecaleni kukaYuda,+ oko kukuthi, ukumkani waseAsiriya.+
18 “Kuya kuthi ngaloo mini uYehova azibethele umlozi iimpukane ezikwisiphelo semijelo yomNayile waseYiputa neenyosi+ ezikwilizwe laseAsiriya,+ 19 yaye ngokuqinisekileyo ziya kungena zize zihlale, zonke, ezintlanjeni ezisengxondorheni nasezimfanteni zeengxondorha nakwiintshinyela zameva zonke neendawo zonke ezinamanzi.+
20 “Ngaloo mini, ngencakuba eqeshiweyo kummandla woMlambo,+ ngokumkani waseAsiriya kanye,+ uYehova uya kuyicheba intloko noboya beenyawo, kwaye iya kutshayela kwaneendevu ezo.+
21 “Kuya kuthi ke ngaloo mini umntu asindise ithokazi lenkomo nezimvu ezimbini.+ 22 Kuya kuthi ke, ngenxa yentabalala yemveliso yobisi, adle ibhotolo; ngokuba baya kudla ibhotolo nobusi+ bonke abaseleyo phakathi kwelizwe.
23 “Ngaloo mini yonk’ indawo eyayifudula inewaka lemidiliya, exabisa amaqhosha esilivere aliwaka,+—iya kuba yeyamatyholo anameva nokhula.+ 24 Uya kuba lapho ngeentolo nesaphetha,+ ngenxa yokuba lonke ilizwe liya kuba ngamatyholo anameva nokhula kuphela. 25 Yaye zonke iintaba ekwakufudula kususwa kuzo izityalo eziyinkathazo ngamakhuba—akuyi kuya kuzo ngenxa yokoyika amatyholo anameva nokhula; ziya kuba ngamadlelo eenkomo nezimvu.”+