1 Kumkani
2 Imihla yokuba uDavide afe yasondela;+ yaye wamyalela uSolomon unyana wakhe, esithi: 2 “Ndihamba endleleni yomhlaba wonke,+ kwaye wena umele womelele+ uze uzingqine uyindoda.+ 3 Kwaye umele ugcine imbopheleleko kuYehova uThixo wakho ngokuhamba ezindleleni zakhe,+ ngokugcina imimiselo yakhe, imiyalelo yakhe nezigwebo zakhe+ nezingqino zakhe, ngokuvumelana noko kubhalwe kumthetho kaMoses,+ ukuze wenze ngokunengqiqo kuyo yonke into oyenzayo nakuyo yonke indawo ojika kuyo; 4 ukuze uYehova aliphumeze ilizwi lakhe awalithethayo ngam,+ esithi, ‘Ukuba oonyana bakho+ baya kuyinyamekela indlela yabo ngokuhamba+ enyanisweni+ phambi kwam ngayo yonke intliziyo yabo+ nangawo wonke umphefumlo wabo, akukho mntu wakho uya kunqunyulwa ekuhlaleni etroneni yakwaSirayeli.’+
5 “Wena ngokwakho ukwazi kakuhle okwenziwa nguYowabhi kum unyana kaTseruya ngoko wakwenzayo+ kwiintloko ezimbini zomkhosi wakwaSirayeli, kuAbhinere+ unyana kaNere nakuAmasa+ unyana kaYetere,+ xa wababulalayo waza igazi+ lemfazwe walibeka kwixesha loxolo waza wabeka igazi lemfazwe ebhantini lakhe elalisesinqeni sakhe nakwiimbadada zakhe ezazisezinyaweni zakhe. 6 Yaye umele wenze ngobulumko bakho,+ ungazivumeli izimvi zakhe zehle+ ziye eShiyol ngoxolo.+
7 “Oonyana bakaBharzilayi+ umGiliyadi ufanele ubenzele ububele bothando, kwaye bamele babe phakathi kwabo badla etafileni yakho;+ kuba leyo yayiyindlela abasondela ngayo+ kum ekubalekeni kwam phambi koAbhisalom umntakwenu.+
8 “Uyabona kunye nawe kukho uShimeyi+ unyana kaGera umBhenjamin waseBhahurim,+ kwaye yayinguye owandiqalekisayo ngesiqalekiso esibuhlungu+ ngemini endandisiya eMahanayim;+ yayikwanguye nowehlayo waya kundihlangabeza eYordan,+ kangangokuba ndafunga kuye ngoYehova, ndisithi, ‘Andiyi kukubulala ngekrele.’+ 9 Uze ungamshiyi ungamohlwayanga,+ kuba uyindoda esisilumko+ kwaye ukwazi kakuhle omele ukwenze kuye, yaye umele uzihlisele eShiyol zinegazi+ izimvi+ zakhe.”
10 Waza uDavide walala kookhokho bakhe,+ wangcwatyelwa kwisiXeko sikaDavide.+ 11 Yaye imihla awalawula ngayo uDavide kwaSirayeli yaba yiminyaka engamashumi amane.+ EHebron+ wayelawule iminyaka esixhenxe,+ kwaye eYerusalem wayelawule iminyaka engamashumi amathathu anesithathu.+
12 Ke yena uSolomon, wahlala phantsi etroneni kaDavide uyise;+ yaye ubukumkani bakhe bamiselwa ngokuqinileyo kakhulu.+
13 Ekuhambeni kwexesha uAdoniya unyana kaHagiti weza kuBhatshebha,+ unina kaSolomon. Yena wathi: “Ngaba uza ngoxolo?”+ wathi: “Ngoxolo.” 14 Yaye wahlabela mgama wathi: “Ndinombandela othile nawe.” Ngoko wathi: “Thetha.”+ 15 Yaye waqhubeka wathi: “Wena ngokwakho wazi kakuhle ukuba ubukumkani babuza kuba bobam, kwaye uSirayeli wonke wayebeke ubuso bakhe ngakum ukuba ndibe ngukumkani;+ kodwa ubukumkani baba bobomntakwethu, kuba kwakuvela kuYehova ukuba bube bobakhe.+ 16 Yaye ke kukho isicelo esinye endisenzayo kuwe. Ungabususi ubuso bam.”+ Ngako oko wathi kuye: “Thetha.” 17 Yaye wahlabela mgama wathi: “Nceda, uthi kuSolomon ukumkani (kuba akayi kubususa ubuso bakho) makandinike uAbhishagi+ umShunem+ abe ngumfazi wam.” 18 Wathi uBhatshebha: “Kulungile! Ndiza kukuthethela ngokwam kukumkani.”
19 Ngoko uBhatshebha wangena kuKumkani uSolomon ukuze athethele uAdoniya kuye.+ Kwaoko ukumkani waphakama+ wamhlangabeza waza waqubuda kuye.+ Waza wahlala etroneni yakhe yaye unina kakumkani wabekelwa itrone, ukuze ahlale ngasekunene kwakhe.+ 20 Wathi: “Kukho isicelo esinye esincinane endisenzayo kuwe. Ungabususi ubuso bam.” Ngoko ukumkani wathi kuye: “Senze, mama; kuba andiyi kubususa ubuso bakho.” 21 Kwaye wahlabela mgama wathi: “Nika uAdoniya umntakwenu uAbhishagi umShunem abe ngumfazi wakhe.” 22 UKumkani uSolomon waphendula waza wathi kunina: “Kutheni ucelela uAdoniya uAbhishagi umShunem? Mcelele nobukumkani+ (ngenxa yokuba ngumkhuluwa wam),+ noAbhiyatare+ umbingeleli noYowabhi+ unyana kaTseruya.”+
23 Ngoko uKumkani uSolomon wafunga ngoYehova, esithi: “Ngoko wanga uThixo angenza kum, yaye wanga angongeza kuko,+ ukuba uAdoniya akayithethanga le nto nxamnye nomphefumlo wakhe.+ 24 Ke kaloku, njengoko uYehova ephila+ oye wandimisela ngokuqinileyo+ wandigcina ndihleli etroneni kaDavide ubawo+ nowandenzela indlu+ kanye njengokuthetha kwakhe,+ namhlanje uAdoniya uza kubulawa.”+ 25 Ngoko nangoko uKumkani uSolomon wathumela ngoBhenaya+ unyana kaYehoyada; yaye wamhlasela, kangangokude afe.+
26 KuAbhiyatare+ umbingeleli ukumkani wathi: “Yiya eAnatoti+ emhlabeni wakho! Kuba ufanelwe kukufa;+ kodwa ngalo mhla andiyi kukubulala, ngenxa yokuba wathwala ityeya yeNkosi enguMongami uYehova+ phambi koDavide ubawo,+ nangenxa yokuba waxhwaleka ngalo lonke ixesha lokuxhwaleka kukabawo.”+ 27 Ngoko uSolomon wamgxotha uAbhiyatare ekukhonzeni njengombingeleli kaYehova, ukuzalisekisa ilizwi likaYehova awayelithethe nxamnye nendlu kaEli+ eShilo.+
28 Ingxelo yaya kufikelela kuYowabhi+—kuba uYowabhi ngokwakhe wayetyekele ekulandeleni uAdoniya,+ nangona wayengatyekelanga ekulandeleni uAbhisalom+—yaye uYowabhi wasabela ententeni+ kaYehova waza wabambelela nkqi kwiimpondo zesibingelelo.+ 29 Waza uKumkani uSolomon waxelelwa oku: “UYowabhi usabele ententeni kaYehova, kwaye nanko ecaleni kwesibingelelo.” Ngoko uSolomon wathumela uBhenaya unyana kaYehoyada, esithi: “Hamba, uye kumhlasela!”+ 30 Ngako oko uBhenaya wafika ententeni kaYehova waza wathi kuye: “Oku koko kuthethwe ngukumkani, ‘Phuma!’” Kodwa wathi: “Hayi! Kuba apha+ kulapho ndiza kufela khona.” UBhenaya walibuyisela kukumkani ilizwi, esithi: “Oku koko kuthethwe nguYowabhi, yaye oku koko andiphendule ngako.” 31 Waza ukumkani wathi kuye: “Yenza kanye njengoko ethethile umhlasele; uze umngcwabe yaye ulishenxise kum nasendlwini kabawo igazi+ eliphalazwe nguYowabhi ngokungafanelekanga.+ 32 Yaye uYehova ngokuqinisekileyo uza kulibuyisela phezu kwentloko yakhe igazi lakhe,+ ngenxa yokuba wahlasela amadoda amabini awayelunge ngakumbi kunokuba wayenjalo,+ yaye wawabulala ngekrele, ubawo uDavide ngokwakhe wayengakwazi oko,+ oko kukuthi, uAbhinere+ unyana kaNere intloko yomkhosi kaSirayeli+ noAmasa+ unyana kaYetere intloko yomkhosi wakwaYuda.+ 33 Yaye igazi labo limele libuyele phezu kwentloko kaYowabhi naphezu kwentloko yenzala yakhe kuse kwixesha elingenammiselo;+ kodwa kuDavide+ nenzala yakhe nakwindlu yakhe nakwitrone yakhe kuya kubakho uxolo oluvela kuYehova kuse kwixesha elingenammiselo.”+ 34 Waza uBhenaya unyana kaYehoyada wenyuka+ waya kumhlasela, wambulala;+ kwaye wangcwatywa endlwini yakhe entlango. 35 Koko ukumkani wambeka uBhenaya+ unyana kaYehoyada esikhundleni sakhe phezu komkhosi;+ yaye uTsadoki umbingeleli ukumkani wambeka esikhundleni sika-Abhiyatare.+
36 Ekugqibeleni ukumkani wathumela wabiza uShimeyi+ waza wathi kuye: “Zakhele indlu eYerusalem, yaye umele uhlale apho ungaphumi apho uze kule ndawo nakuleya. 37 Yaye kuya kuthi ngemini oya kuphuma ngayo naxa uthe wadlula kwintlambo yaseKidron,+ ufanele ngaphandle kwempazamo wazi ukuba uya kufa ngokuqinisekileyo.+ Ityala legazi lakho liya kuba phezu kwentloko yakho.”+ 38 UShimeyi wathi kukumkani: “Lilungile eli lizwi. Kanye njengoko inkosi yam ukumkani ithethile yindlela umkhonzi wakho aya kwenza ngayo.” Yaye uShimeyi waqhubeka ehleli eYerusalem iintsuku ezininzi.
39 Kwathi ekupheleni kweminyaka emithathu amakhoboka amabini+ kaShimeyi abaleka emka aya kuAkishe+ unyana kaMahaka ukumkani waseGati;+ kwaye abantu beza kumxelela uShimeyi, besithi: “Khangela! Abakhonzi bakho baseGati.” 40 Ngoko nangoko uShimeyi waphakama wafaka isali kwiesile lakhe waza waya eGati kuAkishe ukuya kufuna amakhoboka akhe; emva koko uShimeyi wawabuyisa amakhoboka akhe eGati. 41 Waza uSolomon waxelelwa: “UShimeyi uphumile eYerusalem waya eGati kwaye ubuyile.” 42 Ngoko ukumkani wathumela waza wabiza+ uShimeyi, wathi kuye: “Andizange ndikufungise na ngoYehova ukuze ndikulumkise,+ ndisithi, ‘Ngemini oya kuphumela ngaphandle ngayo nasekuyeni kwakho apha naphaya ufanele ngaphandle kwempazamo wazi ukuba uya kufa ngokuqinisekileyo,’ kwaye akuzange na uthi kum, ‘Lilungile ilizwi endilivileyo’?+ 43 Kutheni, ngoko, ungasigcinanga isifungo sikaYehova+ nomyalelo endakubekela wona ngokunyanisekileyo?”+ 44 Ukumkani wahlabela mgama wathi kuShimeyi: “Wena ngokwakho uyayazi ngokuqinisekileyo nentliziyo yakho iyazi kakuhle yonke indlela owamenzakalisa ngayo uDavide ubawo;+ kwaye uYehova ngokuqinisekileyo uza kukubuyisela phezu kwentloko yakho oko kwenzakalisa owakwenzayo.+ 45 Kodwa uKumkani uSolomon uya kusikelelwa,+ netrone kaDavide ngokwayo iya kumiselwa ngokuqinileyo phambi koYehova ngonaphakade.”+ 46 Ngoko ukumkani wayalela uBhenaya unyana kaYehoyada, owaphumayo ngoko waya kumhlasela, kangangokude afe.+
Yaye ubukumkani bamiselwa ngokuqinileyo esandleni sikaSolomon.+