7 “Ngaba umntu ofayo akanamsebenzi usisinyanzelo+ na emhlabeni,
Yaye ngaba iintsuku zakhe azifani neentsuku zomqeshwa?+
2 Njengekhoboka ulangazelela umthunzi,+
Yaye njengomqeshwa ulindela umvuzo wakhe.+
3 Ngaloo ndlela ndenziwe ndadla ilifa iinyanga ezingento yanto,+
Yaye babalele kum ubusuku beenkathazo.+
4 Ndakulala ndithi, ‘Ndiya kuvuka nini na?’+
Yaye xa okunene ukuhlwa kuhambe umlinganiselo wako, ndiba ndidikiwe kukugushuza de kube sekuzeni kokusa.
5 Inyama yam yambeswe ziimpethu+ namagada;+
Ulusu lwam lwenze izikhoko yaye luyayucuka.+
6 Iintsuku zam zikhawuleza+ ngaphezu kwesilukiso somluki,
Yaye ziphela kungekho themba.+
7 Khumbula ukuba ubomi bam bungumoya;+
Yaye iliso lam aliyi kubona kulunga kwakhona.
8 Iliso lalowo undibonayo aliyi kundibona;
Amehlo akho aya kuba phezu kwam, kodwa andiyi kubakho.+
9 Ngokuqinisekileyo ilifu liyaphela lize limke;
Ngoko ke lowo uhlela eShiyol akayi kunyuka aphume.+
10 Akayi kubuyela endlwini yakhe kwakhona,
Yaye indawo yakhe ayisayi kumqonda kwakhona.+
11 Nam, andisayi kuwunqanda umlomo wam.
Ndiza kuthetha ekubandezelekeni komoya wam;
Ndiza kuxhalaba ngobukrakra bomphefumlo wam!+
12 Ngaba ndilulwandle okanye ndisisilo esikhulu saselwandle,
Ukuba undimisele umlindi?+
13 Xa ndathi, ‘Umandlalo wam uya kundithuthuzela,
Umandlalo wam uya kundinceda uthwale ukuxhalaba kwam,’
14 Undinkwantyise ngamaphupha,
Yaye ngemibono undenza ndixhume kukothuka,
15 Kangangokuba umphefumlo wam unyula ukufuthaniseleka,
Ukufa+ endaweni yamathambo am.
16 Ndibugatyile;+ andiyi kuphila ukusa kwixesha elingenammiselo.
Ndiyeke, ngokuba imihla yam ingumphunga.+
17 Uyintoni na umntu ofayo+ le nto umkhulisayo,
Ukuba ubhekise intliziyo yakho kuye,
18 Ukuba unikele ingqalelo kuye iintsasa zonke,
Ukuba umvavanye umzuzu ngamnye?+
19 Kutheni ungayeki ukundondela,+
Ungandiyeki de ndiginye amathe?
20 Ukuba ndonile, ndinokufeza ntoni na nxamnye nawe, wena uQwalasela uluntu?+
Kutheni undimise ndaba yinto ojolisa kuyo, ukuze ndibe ngumthwalo kuwe?
21 Yaye kutheni ungakuxoleli ukunxaxha kwam+
Uze ungasinanzi isiphoso sam?
Kuba ngoku ndiya kulala eluthulini;+
Yaye ngokuqinisekileyo uya kundifuna, ndize ndingabikho.”