Ngaba Uyakhumbula?
Ngaba uye wakuvuyela ukufunda iiMboniselo zakutshanje? Khawubone ukuba unokuyiphendula kusina na le mibuzo ilandelayo:
• Ngabalandeli bakabani abaziwa ngenkolelo yokumiselwa kwangaphambili kwekamva?
Abalandeli bakaCalvin bagxininisa imfundiso yokumiselwa kwangaphambili kwekamva. Izinto ezafundiswa nguMhlaziyi uJean Cauvin (uJohn Calvin) zisekho kwiCawa Yohlaziyo, iRhabe, iCongregational, namaPuritan.—9/1, iphepha 18-21.
• UKayin wamfumana phi umfazi?
Umfazi kaKayin wayeyinzala kaEva, ‘owazala oonyana neentombi.’ (Gen. 5:4)—9/1, iphepha 25.
• Ngubani ingelosi eyathunyelwa nguThixo ukuba ikhokele amaSirayeli xa ayephuma eYiputa? (Eks. 23:20, 21)
Kusengqiqweni ukukholelwa ukuba le ngelosi, ‘elalikuyo igama likaYehova,’ yayinguNyana kaThixo olizibulo, kamva owaba nguYesu.—9/15, iphepha 21.
• Kutheni incwadi yoku-1 kwabaseKorinte ithetha ngenyama ebingelelwe kwizithixo?
Izilwanyana zazibingelelwa kwiitempile zamaGrike nezamaRoma, kodwa inyama eyayishiyeka apho yayithengiswa kwiimarike zenyama. AmaKristu ayengabi nanxaxheba kunqulo lobuhedeni; ukanti kwakungeyomfuneko ukuba ajonge loo nyama njengengcolisiweyo. Umpostile uPawulos wathi: “Yonk’ into ethengiswa kwimarike yenyama hlalani niyitya, ningabuzi ngenxa yesazela senu; kuba ‘ngokaYehova umhlaba noko kuwuzalisileyo.’” (1 Kor. 10:25, 26)—10/1, iphepha 12.
• Ngokuphathelele unqulo lokwenene, kukuphi ukuzithethelela okungamkelekanga kuThixo?
‘Unzima gqitha lo msebenzi. Andinamdla wokuwenza. Ndixakeke gqitha. Andinabuchule bokuwenza. Kukho umntu owandikhubekisayo.’ Ezi ayizozingxengxezo zivakalayo zokungayenzi imiyalelo kaThixo.—10/15, iphepha 12-15.
• Ziziphi iindlela onokwenza ngazo iintlanganiso zamaKristu zikwakhe wena nabanye?
Lungiselela kwangaphambili. Yibakho rhoqo. Fika kwangethuba. Yiza nazo zonke iincwadi ezifunekayo. Phepha izinto eziphazamisayo. Yiba nenxaxheba. Betha koomofu xa ugqabaza. Zenze izabelo zakho. Ncoma abo bebenenxaxheba. Ncokola nabanye ngaphambi nasemva kweentlanganiso.—10/15, iphepha 22.
• Yiyiphi ingxelo yeBhayibhile ethetha ngeqhenqa, eliquka oko namhlanje kubizwa ngokuba sisifo sikaHansen, nebandakanya intombazana ethile?
Eyesibini yeziKumkani isahluko 5 ithetha ngentombazana engumSirayeli eyayisisicakakazi kwindlu yomphathi-mkhosi waseSiriya uNahaman. Ekubeni wayeneqhenqa, le ntombazana yamcebisa ukuba aye kuphiliswa ngumprofeti uElisha.—11/1, iphepha 22.
• Yintoni esinokuyifunda ekunikezeleni kuka-Aron kwingcinezelo yoontanga?
Xa uMoses wayengekho, amaSirayeli abongoza uAron ukuba awenzele isithixo. Wanikezela waza wawenzela. Le nto ibonisa ukuba asingobantu abaselula kuphela abajamelana nengcinezelo yoontanga. Inokuchaphazela kwanabantu abadala abafuna ukwenza okulungileyo. Simele siyixhathise ingcinezelo yoontanga.—11/15, iphepha 8.
• Yiyiphi eyinyaniso yaye yiyiphi ebubuxoki?
USathana ngumntu wokwenene: yinyaniso. (2 Kor. 11:14) Xa abantu besifa bonke baya ezulwini: bubuxoki. (INtshu. 9:5) Iingelosi ezithembekileyo zisikhathalele: yinyaniso. (INdu. 34:7) UYesu uyalingana noThixo: bubuxoki. (1 Kor. 11:3)—12/1, iphepha 8-9.