IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Nehemiya 9:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 Nangona wawunikela ubungqina+ nxamnye nabo ukuze ubabuyisele emthethweni wakho,+ bona babekhukhumala+ bangayiphulaphuli imiyalelo yakho; yaye babesona+ nxamnye nemimiselo+ yakho, leyo, ukuba umntu uza kuyenza, amele aphile ngayo.+ Kwaye baqhubeka bekwenzela iinkani,+ bazenza lukhuni iintamo zabo,+ yaye abazange baphulaphule.+

  • IMizekeliso 28:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Unoyolo umntu onkwantya rhoqo,+ kodwa oyenza lukhuni intliziyo yakhe uya kuwela kwintlekele.+

  • Isaya 30:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 30 “Yeha ke oonyana abaneenkani,”+ utsho uYehova, “abo batyekele ekuphumezeni icebo, kodwa ingelilo elivela kum;+ nokuthulula umnikelo othululwayo, kodwa kungekhona ngomoya wam, ukuze bongeze isono kwisono;+

  • Yeremiya 3:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Ngelo xesha baya kuyibiza iYerusalem ngokuba yitrone kaYehova;+ yaye zonke iintlanga zimele zibuthelwe ndawonye+ kuyo egameni likaYehova eYerusalem,+ zingabi salandela ubulukhuni bentliziyo yazo embi.”+

  • Yeremiya 6:28
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 28 Bonke bangabona bantu baneenkani,+ bahambahamba njengabanyelisi+—ubhedu nentsimbi. Bonke bayonakalisa.+

  • Zekariya 7:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Nentliziyo yabo+ bayenza ilitye elilukhuni ukuze bangawuthobeli umthetho+ namazwi uYehova wemikhosi awawathumela ngomoya wakhe,+ ngabaprofeti bangaphambili;+ kangangokuba wacaphuka kakhulu uYehova wemikhosi.”+

  • Roma 1:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 ngenxa yokuba, nangona babemazi uThixo, abakhange bamzukise njengoThixo bengakhange futhi bambulele,+ kodwa basuka baba ziziphukuphuku+ kwiingcinga zabo, neentliziyo zabo ezingenakuqiqa zenziwa mnyama.+

  • Roma 2:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 5 Kodwa ngenxa yokuba lukhuni+ kwakho nokuba nentliziyo engaguqukiyo+ uziqwebela ingqumbo+ ngomhla wengqumbo+ nowokutyhilwa+ komgwebo kaThixo wobulungisa.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share