IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 1 Samuweli 11:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 Ngoko bonke abantu baya eGiligali, baza apho bamenza ukumkani uSawule phambi koYehova eGiligali. Bandula ke benza imibingelelo yobudlelane apho phambi koYehova,+ yaye apho uSawule nawo onke amadoda akwaSirayeli baqhubeka benemihlali ngomlinganiselo omkhulu.+

  • 1 Samuweli 13:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 USamuweli wathi kuSawule: “Wenze ngobudenge.”+ Akuwugcinanga umyalelo+ kaYehova uThixo wakho akuyalele wona,+ ngenxa yokuba, ukuba ubuwugcinile, uYehova ngebuqinisile ubukumkani bakho phezu koSirayeli ukusa kwixesha elingenammiselo.

  • 1 Samuweli 15:26
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 26 Kodwa uSamuweli wathi kuSawule: “Andiyi kubuya nawe, kuba uligatyile ilizwi likaYehova, noYehova uyakugatya ekubeni uqhubeke ungukumkani kaSirayeli.”+

  • 1 Samuweli 16:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 Kwathi ke, wakuba phezu kukaSawule umoya kaThixo, uDavide wathabatha uhadi waza wadlala ngesandla sakhe; waza wakhululeka uSawule kwaba kuhle kuye, nomoya ombi wemka kuye.+

  • 1 Samuweli 28:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 Ekugqibeleni uSawule wathi kubakhonzi bakhe: “Ndifuneleni umfazi oyinkosikazi engoneshologu,+ yaye ndiza kuya kuye ndize ndimbuze.” Bandula ke abakhonzi bakhe bathi kuye: “Khangela! Ukho umfazi oyinkosikazi eneshologu e-En-dore.”+

  • 1 Samuweli 31:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Wandula ke uSawule wathi kumphathi wezikrweqe zakhe: “Rhola ikrele lakho+ uze undihlabe ngalo, ukuze la madoda angalukanga+ angezi aze ngokuqinisekileyo andihlabe, andiphathe kakubi.” Umphathi wezikrweqe zakhe akavumanga,+ ngenxa yokuba wayesoyika kakhulu. Ngoko uSawule walithabatha ikrele waza waziwisa phezu kwalo.+

  • 2 Samuweli 1:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 USawule noYonatan,+ abathandekayo nabahle ebudeni bobomi babo,

      Nasekufeni kwabo abahlulwanga.+

      Babekhawuleza ngakumbi kuneenkozi,+

      Babenamandla ngakumbi kuneengonyama.+

  • IZenzo 13:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 Kodwa ukususela ngoko bafuna ukumkani,+ waza uThixo wabanika uSawule unyana kaKishe, indoda yesizwe sakwaBhenjamin,+ kangangeminyaka engamashumi amane.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share