IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ABagwebi 3:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Ngoku umoya+ kaYehova waba naye, kwaye waba ngumgwebi kaSirayeli. Xa waphumayo esiya edabini, uYehova wamnikela+ uKushan-rishatayim ukumkani waseSiriya esandleni sakhe saza isandla sakhe samongamela uKushan-rishatayim.

  • ABagwebi 6:34
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 34 Yaye umoya kaYehova+ wamgubungela uGidiyon waza wavuthela isigodlo,+ kwaye ama-Abhi-ezere+ abizelwa ndawonye emva kwakhe.

  • ABagwebi 11:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 Ke kaloku umoya kaYehova wafika kuYifeta,+ waza wadlula eGiliyadi nakwaManase ukuze adlulele eMizpe yaseGiliyadi,+ yaye ukusuka eMizpe yaseGiliyadi wadlulela koonyana baka-Amoni.

  • ABagwebi 14:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Waza umoya kaYehova wasebenza kuye,+ ukuze ayiqwenge kubini, kanye njengoko ubani eqwenga itakane eliyinkunzi kubini, kwaye kwakungekho nto konke konke esandleni sakhe. Akazange amxelele uyise okanye unina into ayenzileyo.

  • 1 Samuweli 10:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Ngoko bahamba apho baya endulini, yaye wahlangatyezwa liqela labaprofeti; kwaoko umoya kaThixo wasebenza kuye,+ waza waqalisa ukuthetha njengomprofeti+ phakathi kwabo.

  • 1 Samuweli 16:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Ngako oko uSamuweli wathabatha uphondo lweoli+ waza wamthambisa phakathi kwabantakwabo. Yaye umoya kaYehova waqalisa ukusebenza kuDavide ukususela loo mini.+ Kamva uSamuweli wasukuma waza wahamba waya eRama.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share