IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 1 Samuweli 15:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 “Ndiyazisola+ kuba ndibangele uSawule walawula njengokumkani, ngenxa yokuba uyekile+ ukundilandela, akawaphumeza namazwi am.”+ Kwambandezela oku uSamuweli,+ waza wakhala kuYehova ubusuku bonke.+

  • 1 Samuweli 15:22
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 22 USamuweli wathi: “Ngaba uYehova lo uyoliswa yiminikelo etshiswayo+ nemibingelelo na njengoko kunjalo ngokuthotyelwa kwelizwi likaYehova? Khangela! Ukuthobela+ kulunge ngakumbi kunombingelelo,+ ukunikela ingqalelo kunamanqatha+ eenkunzi zeegusha;

  • 1 Samuweli 15:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 kuba imvukelo+ iyafana nesono sokuvumisa,+ nokunyanzelisa ngekratshi nqwa nokusebenzisa amandla angaqhelekanga nemilonde-khaya.+ Ekubeni uligatyile ilizwi likaYehova,+ ngako oko naye uyakugatya ekubeni ngukumkani.”+

  • INdumiso 37:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  7 Yithi cwaka phambi koYehova+

      Uze ulindele kuye ngolangazelelo.+

      Musa ukuvutha ngumsindo nakubani na owenza indlela yakhe iphumelele,+

      Kwindoda ephumeza iingcamango zayo.+

  • IMizekeliso 11:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 Kufikile na ukukhukhumala? Ngoko ihlazo liyeza;+ kodwa bunabathozamileyo ubulumko.+

  • IMizekeliso 13:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Ngokukhukhumala ubani ubangela usukuzwano kuphela,+ kodwa kwabo babhunga kunye kukho ubulumko.+

  • IMizekeliso 21:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 Igama lalowo uzivuthisa ngomsindo wokuzikhukhumalisa ngumgwagwisi onekratshi nozidlayo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share