IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 1 Samuweli 14:49
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 49 Oonyana bakaSawule ke yayinguYonatan+ noIshvi noMaleki-shuwa,+ ke wona amagama eentombi zakhe ezimbini, igama laleyo yazalwa kuqala lalinguMerabhi+ negama lencinane linguMikali.+

  • 1 Samuweli 19:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Kamva uSawule wathumela+ abathunywa endlwini kaDavide ukuba bayilinde nokuze abulawe kusasa;+ kodwa uMikali umfazi wakhe wamxelela uDavide, esithi: “Ukuba akuwubalekisi umphefumlo wakho ngobu busuku, ngomso uya kuba ngofileyo.”

  • 1 Samuweli 25:44
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 44 Ke yena uSawule, wathabatha uMikali+ intombi yakhe, umfazi kaDavide, wamnika uPalti,+ unyana kaLayishe, owayengowaseGalim.+

  • 2 Samuweli 3:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Wathi yena: “Kulungile! Mna ndiya kuwenza nawe umnqophiso. Inye kuphela into endiyicelayo kuwe, ndisithi, ‘Akunakububona ubuso bam+ ngaphandle kokuba kuqala uzise uMikali,+ intombi kaSawule, xa uze kubona ubuso bam.’”

  • 2 Samuweli 6:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Kwathi ke yakufika ityeya kaYehova kwisiXeko sikaDavide, uMikali,+ intombi kaSawule, wakhangela phantsi ngefestile waza wabona uKumkani uDavide exhumaxhuma yaye engqungqa phambi koYehova; yaye wamdelela+ entliziyweni yakhe.+

  • 1 Kronike 15:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 Kwathi ke, yakufika ityeya yomnqophiso+ kaYehova kwisiXeko sikaDavide, uMikali,+ intombi kaSawule, wakhangela phantsi ngefestile waza wabona uKumkani uDavide edloba ebhiyoza;+ yaye wamdelela+ entliziyweni yakhe.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share