Duteronomi 32:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 Bona, bandikhweletisa ngoko kungengothixo;+Bandiqumbisa ngezithixo zabo ezililize;+Nam, ndiya kubakhweletisa ngoko kungesosizwana;+Ndibacaphukise ngohlanga olunobuyatha.+ 1 Samuweli 12:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 Nize ningaphambuki nilandele izinto ezingeyonene+ ezingeyongenelo+ nezingahlanguliyo, ngenxa yokuba zizinto ezingeyonene. 2 Kumkani 17:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 baqhubeka beyigatya imimiselo yakhe nomnqophiso wakhe+ awayewenze nookhokho babo nezikhumbuzo+ awayebalumkise ngazo, baza baqhubeka belandela izithixo ezililize+ nabo baba lilize,+ ngokulinganisa iintlanga ezazibangqongile, ezo uYehova wayebayalele ngazo ukuba bangenzi njengazo;+ Isaya 41:29 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 29 Khangela! Bonke bayinto engekhoyo. Imisebenzi yabo yinto engento. Imifanekiso yabo etyhidiweyo ingumoya nelize.+ Yeremiya 10:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Wonke umntu uziphethe ngokungenangqiqo engenakwazi.+ Wonke umnyibilikisi ngokuqinisekileyo uya kuziva eneentloni ngenxa yemifanekiso eqingqiweyo;+ kuba imifanekiso yakhe etyhidiweyo ibubuxoki,+ yaye akukho moya kuyo.+ IZenzo 14:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 besithi: “Madoda, kutheni nisenza ezi zinto nje? Nathi singabantu+ abanobulwelwe+ obufanayo njengoko ninjalo nani, yaye sivakalisa iindaba ezilungileyo kuni, ukuba nani nijike kwezi zinto zililize+ niye kuThixo ophilayo,+ owenza izulu+ nomhlaba nolwandle nezinto zonke ezikuzo. Roma 1:23 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 23 baza baluphethulela uzuko+ loThixo ongenakonakala kokuthile okunjengomfanekiso+ womntu onokonakala noweentaka nezidalwa ezizitho zine nezinto ezirhubuluzayo.+ 1 Korinte 8:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 Ngokuphathelele ukutyiwa+ kokutya okunikelwe kwizithixo, siyazi ukuba isithixo asinto+ ehlabathini, nokuba akukho Thixo ngaphandle nje komnye.+ 1 Korinte 10:19 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 19 Ndithini na, ke ngoko? Ndithi oko kubingelelwe kwisithixo kuyinto na, okanye ndithi isithixo siyinto na?+
21 Bona, bandikhweletisa ngoko kungengothixo;+Bandiqumbisa ngezithixo zabo ezililize;+Nam, ndiya kubakhweletisa ngoko kungesosizwana;+Ndibacaphukise ngohlanga olunobuyatha.+
21 Nize ningaphambuki nilandele izinto ezingeyonene+ ezingeyongenelo+ nezingahlanguliyo, ngenxa yokuba zizinto ezingeyonene.
15 baqhubeka beyigatya imimiselo yakhe nomnqophiso wakhe+ awayewenze nookhokho babo nezikhumbuzo+ awayebalumkise ngazo, baza baqhubeka belandela izithixo ezililize+ nabo baba lilize,+ ngokulinganisa iintlanga ezazibangqongile, ezo uYehova wayebayalele ngazo ukuba bangenzi njengazo;+
29 Khangela! Bonke bayinto engekhoyo. Imisebenzi yabo yinto engento. Imifanekiso yabo etyhidiweyo ingumoya nelize.+
14 Wonke umntu uziphethe ngokungenangqiqo engenakwazi.+ Wonke umnyibilikisi ngokuqinisekileyo uya kuziva eneentloni ngenxa yemifanekiso eqingqiweyo;+ kuba imifanekiso yakhe etyhidiweyo ibubuxoki,+ yaye akukho moya kuyo.+
15 besithi: “Madoda, kutheni nisenza ezi zinto nje? Nathi singabantu+ abanobulwelwe+ obufanayo njengoko ninjalo nani, yaye sivakalisa iindaba ezilungileyo kuni, ukuba nani nijike kwezi zinto zililize+ niye kuThixo ophilayo,+ owenza izulu+ nomhlaba nolwandle nezinto zonke ezikuzo.
23 baza baluphethulela uzuko+ loThixo ongenakonakala kokuthile okunjengomfanekiso+ womntu onokonakala noweentaka nezidalwa ezizitho zine nezinto ezirhubuluzayo.+
4 Ngokuphathelele ukutyiwa+ kokutya okunikelwe kwizithixo, siyazi ukuba isithixo asinto+ ehlabathini, nokuba akukho Thixo ngaphandle nje komnye.+
19 Ndithini na, ke ngoko? Ndithi oko kubingelelwe kwisithixo kuyinto na, okanye ndithi isithixo siyinto na?+