36 Kwathi ngelo xesha+ lokunyuka komnikelo wokudla okuziinkozo umprofeti uEliya wasondela waza wathi: “Owu Yehova, THIXO ka-Abraham,+ kaIsake+ noSirayeli,+ yenza kwaziwe namhlanje ukuba unguThixo kwaSirayeli+ yaye mna ndingumkhonzi wakho nezi zinto zonke ndizenze ngokwelizwi lakho.+