IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Yeremiya 37:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 Ngako oko uKumkani uZedekiya wawisa umyalelo, baza ke bamfaka eluvalelweni uYeremiya kwiNtendelezo Yabalindi;+ kwaye wayenikwa isonka esibusazinge mihla le esivela kwisitrato sababhaki,+ de saphela sonke isonka esixekweni.+ UYeremiya waqhubeka ehlala kwiNtendelezo Yabalindi.+

  • Yeremiya 38:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 “Utsho uYehova ukuthi, ‘Lowo uqhubekayo ehlala kwesi sixeko uya kufa likrele,+ yindlala+ nayindyikitya yokufa.+ Kodwa ophumayo aye kumaKhaledi uya kuqhubeka ephila yaye ngokuqinisekileyo uya kuba lixhoba kuye umphefumlo wakhe aze aphile.’+

  • IZililo 4:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  4 Ulwimi lowanyayo lunamathele enkalakahleni yakhe ngenxa yonxano.+

      Abantwana bacele isonka.+ Akukho bani ubabelayo.+

  • Hezekile 5:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Inxalenye yenu esisithathu—iya kufa ngendyikitya yokufa,+ ifikelele esiphelweni sayo ngendlala phakathi kwenu.+ Yaye enye inxalenye esisithathu—iya kuwa ngekrele macala onke. Nenxalenye esisithathu yokugqibela ndiya kuyichithachithela emimoyeni yonke,+ ndirhole ikrele emva kwayo.+

  • Hezekile 7:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 Ngaphandle likrele,+ ngaphakathi yindyikitya yokufa nendlala.+ Nabani na osendle, uya kufa ngekrele, yaye nabaphi na abasesixekweni, baya kuqwengwa yindlala nendyikitya yokufa.+

  • Hezekile 14:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 “Kuba itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Kuya kuba njalo ke xa kuya kubakho izenzo zam ezine zokugweba ezenzakalisayo+—ikrele nendlala nerhamncwa elenzakalisayo nendyikitya yokufa+—endiya kuzithumela okunene phezu kweYerusalem ukuze ndinqumle kuyo umntu wasemhlabeni nesilwanyana sasekhaya.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share