IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 32:35
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 35 Yeyam impindezelo, nembuyekezo.+

      Ngexesha elimisiweyo luya kutyibilika unyawo lwazo,+

      Ngokuba usondele umhla wentlekele yazo,+

      Iziganeko ezilungiselelwe zona ziza ngokungxama.’+

  • 2 Kumkani 7:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 Umphathi-mkhosi awayezixhase+ ngesandla sakhe ukumkani wamphendula umntu kaTHIXO oyinyaniso wathi: “Nokuba uYehova angenza amasango ezikhukula emazulwini,+ ingenzeka le nto?”+ Yaza yona yathi: “Uya kuyibona ngamehlo akho,+ kodwa akuyi kuyidla.”+

  • 2 Kronike 36:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Kodwa baqhubeka bebagculela+ abathunywa bakaTHIXO oyinyaniso bewadelela amazwi akhe+ bebenza intlekisa+ abaprofeti bakhe, de wafika umsindo+ kaYehova nxamnye nabantu bakhe, kwada akwabakho kuphiliswa.+

  • Isaya 5:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 Ngoko ke kanye njengoko ulwimi lomlilo luzidla luzigqibe iindiza+ nengca eyomileyo ihla iye edangatyeni, yona kanye ingcambu yabo iya kuba njengevumba lokuvunda,+ nentyatyambo yabo iya kunyuka kanye njengomgubo, ngenxa yokuba bawugatyile umthetho kaYehova wemikhosi,+ abalihlonela ilizwi laLowo Ungcwele kaSirayeli.+

  • Isaya 28:22
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 22 Ke kaloku musani ukuzibonakalisa ningabagxeki,+ ukuze izibopho zenu zingabi nakomelela, kuba kukho intshabalaliso, yona kanye into ekugqitywe kuyo, endiyivileyo ivela kwiNkosi enguMongami,+ uYehova wemikhosi, ngelizwe eli lonke.+

  • Nahum 1:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 UYehova nguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo+ nophindezelayo; yekaYehova impindezelo+ nengqumbo.+ UYehova uyaziphindezela kwiintshaba zakhe,+ yaye uyazicaphukela iintshaba zakhe.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share