2 Samuweli 16:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Ekugqibeleni uAbhishayi unyana kaTseruya+ wathi kukumkani: “Kutheni na le nja ifileyo+ ukuba iqalekise inkosi yam ukumkani?+ Makhe ndiwele, ndiyacela, ndize ndiyisuse intloko.”+ 2 Samuweli 20:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Wandula ke uDavide wathi kuAbhishayi:+ “Ke kaloku uShebha+ unyana kaBhikeri uya kuba mbi ngakumbi kunoAbhisalom.+ Wena ngokwakho thabatha abakhonzi+ benkosi yakho uze umsukele, ukuze okunene angazifumaneli izixeko ezinqatyisiweyo aze abaleke phambi kwamehlo ethu.” 2 Samuweli 21:17 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 17 Kwaoko uAbhishayi+ unyana kaTseruya weza kumnceda,+ wamxabela umFilisti waza wambulala. Ngelo xesha amadoda akwaDavide afunga kuye, esithi: “Ungahambi nathi ukuya edabini kwakhona,+ ukuze ungasicimi+ isibane+ sakwaSirayeli!” 2 Samuweli 23:18 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 18 Ke yena uAbhishayi+ umntakwabo Yowabhi unyana kaTseruya,+ wayeyintloko yamashumi amathathu, kwaye wayevonyavonya umkhonto wakhe phezu kwamakhulu amathathu abuleweyo, yaye naye wayedume njengabo bathathu.+ 1 Kronike 18:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Ke yena uAbhishayi+ unyana kaZeruya,+ waxabela amaEdom kwiNtlambo yeTyuwa,+ ishumi elinesibhozo lamawaka.
9 Ekugqibeleni uAbhishayi unyana kaTseruya+ wathi kukumkani: “Kutheni na le nja ifileyo+ ukuba iqalekise inkosi yam ukumkani?+ Makhe ndiwele, ndiyacela, ndize ndiyisuse intloko.”+
6 Wandula ke uDavide wathi kuAbhishayi:+ “Ke kaloku uShebha+ unyana kaBhikeri uya kuba mbi ngakumbi kunoAbhisalom.+ Wena ngokwakho thabatha abakhonzi+ benkosi yakho uze umsukele, ukuze okunene angazifumaneli izixeko ezinqatyisiweyo aze abaleke phambi kwamehlo ethu.”
17 Kwaoko uAbhishayi+ unyana kaTseruya weza kumnceda,+ wamxabela umFilisti waza wambulala. Ngelo xesha amadoda akwaDavide afunga kuye, esithi: “Ungahambi nathi ukuya edabini kwakhona,+ ukuze ungasicimi+ isibane+ sakwaSirayeli!”
18 Ke yena uAbhishayi+ umntakwabo Yowabhi unyana kaTseruya,+ wayeyintloko yamashumi amathathu, kwaye wayevonyavonya umkhonto wakhe phezu kwamakhulu amathathu abuleweyo, yaye naye wayedume njengabo bathathu.+
12 Ke yena uAbhishayi+ unyana kaZeruya,+ waxabela amaEdom kwiNtlambo yeTyuwa,+ ishumi elinesibhozo lamawaka.