IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 1 Kronike 15:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Ngoko uDavide wathi kwiintloko zabaLevi mazimise abazalwana bazo abaziimvumi+ nezixhobo zeengoma,+ imirhubhe+ neehadi+ namacangci,+ bazidlale ngokuvakalayo ukuze zenze isandi semihlali.

  • 1 Kronike 16:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Wandula wabeka phambi kwetyeya kaYehova abathile kubaLevi+ njengabalungiseleli,+ ukuba bakhumbule+ yaye babulele,+ badumise+ uYehova uTHIXO kaSirayeli,

  • 1 Kronike 23:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Babalwa ke abaLevi kwathatyathelwa kwabaminyaka ingamashumi amathathu ubudala ukusa phezulu;+ intloko nganye, indoda eyomeleleyo ngendoda eyomeleleyo, yaye inani labo laba ngamashumi amathathu anesibhozo amawaka.

  • 1 Kronike 25:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 Ngokubhekele phaya uDavide neentloko+ zamaqela abakhonzi+ bahlulela inkonzo abanye boonyana baka-Asafu, uHeman+ noYedutun+ ababeprofeta ngeehadi,+ ngemirhubhe+ nangamacangci.+ Yaye kwinani lawo kwavela amadoda asemthethweni okuphumeza inkonzo.

  • 2 Kronike 29:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 Ngelo xesha, wabamisa abaLevi+ endlwini kaYehova, namacangci,+ nemirhubhe+ neehadi,+ ngokomyalelo kaDavide+ noGadi+ iimboni noNatan+ umprofeti, kuba kwakungesandla sikaYehova ukuba umyalelo unikezelwe ngabaprofeti.+

  • Ezra 3:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Xa abakhi babeka isiseko+ setempile kaYehova, ababingeleli bekwizinxibo zasemthethweni,+ benamaxilongo,+ nabaLevi oonyana baka-Asafu,+ benamacangci,+ bema ukuze badumise uYehova ngokolwalathiso+ lukaDavide ukumkani wakwaSirayeli.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share