IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 2 Kumkani 18:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 Ke kaloku, khangela! ukholose ngenkxaso yale ngcongolo ityumkileyo,+ iYiputa,+ leyo, ukuba umntu unokuxhathisa ngayo, ngokuqinisekileyo ingangena entendeni yakhe ize iyihlabe. Unjalo uFaro+ ukumkani waseYiputa kubo bonke abo bakholose ngaye.

  • Isaya 31:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 31 Yeha ke abo baya eYiputa ukuba bancedwe,+ abo bathembela ngamahashe,+ nabo bakholosa ngeenqwelo zokulwa ezininzi, nangamahashe emfazwe,+ ngenxa yokuba enamandla kakhulu, kodwa abangakhangelanga kuLowo Ungcwele kaSirayeli nabangamfunanga uYehova.+

  • Isaya 31:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Noko ke, amaYiputa ngabantu basemhlabeni,+ akangoThixo; namahashe awo yinyama,+ asingomoya. UYehova uya kusolula isandla sakhe, yaye lowo unikela uncedo uya kukhubeka,+ nalowo uncedwayo uya kuwa, kwaye kwangaxeshanye bonke baya kuphela.

  • Yeremiya 43:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Uya kufika alibethe ilizwe laseYiputa.+ Nabani na ofanelwe sisibetho esibulalayo uya kuba ngowesibetho esibulalayo, nabani na ofanelwe kukuthinjwa uya kuba ngowokuthinjwa, nabani na ofanelwe likrele uya kuba ngowekrele.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share