IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Isaya 56:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 kanjalo ndiza kubazisa entabeni yam engcwele+ ndize ndibenze babe nemihlali endlwini yam yomthandazo.+ Umnikelo wabo otshiswa kuphele+ nemibingelelo yabo+ iya kuba yeyokwamkelwa esibingelelweni sam.+ Kuba yona kanye indlu yam iya kubizwa nangokuba yindlu yomthandazo yazo zonke izizwana.”+

  • Isaya 66:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 Okunene ziya kubazisa bonke abantakwenu bephuma kuzo zonke iintlanga+ njengesipho kuYehova,+ ngamahashe nangeenqwelo nangeenqwelo ezinezigqubuthelo nangeemeyile nangeemazi zeenkamela+ ezinamendu, entabeni yam engcwele,+ eYerusalem,” utsho uYehova, “kanye njengaxa oonyana bakaSirayeli besizisa isipho ngesitya esihlambulukileyo endlwini kaYehova.”+

  • Hezekile 20:40
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 40 “‘Kuba entabeni yam engcwele, entabeni ephakamileyo yakwaSirayeli,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘kulapho bona, iyonke indlu kaSirayeli ngokupheleleyo, baya kundikhonza, elizweni.+ Apho ndiya kukholiswa ngabo, yaye apho ndiya kuyifuna iminikelo yenu nentlahlela yeminikelo yenu kwizinto zenu zonke ezingcwele.+

  • Yoweli 3:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Kuya kufuneka nina nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu,+ ohleli eZiyon intaba yam engcwele.+ NeYerusalem imele ibe yindawo engcwele;+ ke bona abasemzini, abasayi kudlula kuyo kwakhona.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share