IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Isaya 11:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Kuya kuthi ngaloo mini uYehova kwakhona anikele isandla sakhe, isihlandlo sesibini,+ ukuze azuze intsalela yabantu bakhe abaya kusala eAsiriya+ naseYiputa+ nasePatrosi+ nakwaKushe+ nakwaElam+ naseShinare+ naseHamati nakwiziqithi zolwandle.+

  • Yeremiya 30:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 “Wena ke, musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi,” utsho uYehova, “ungangenwa nalunkwantyo, Sirayeli.+ Kuba yabona, ndikusindisa usekude nenzala yakho kwilizwe lokuthinjwa kwayo.+ Kwaye uYakobi ngokuqinisekileyo uya kubuya, angaphazanyiswa aze ahlale ngokukhululeka, yaye akuyi kubakho bani umngcangcazelisayo.”+

  • Yeremiya 32:37
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 37 ‘Yabona, ndibaqokelela ndawonye kuwo onke amazwe endiya kubasasazela kuwo ngomsindo wam nangobushushu bam nangokucaphuka kwam okukhulu;+ yaye ndiza kubabuyisela kule ndawo ndize ndibenze bahlale benqabisekile.+

  • Hezekile 20:42
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 42 “‘Niya kwazi ukuba ndinguYehova,+ ekuniziseni kwam kumhlaba wakwaSirayeli,+ kwilizwe endaphakamisa isandla sam ndifungela ukulinika ookhokho benu.

  • Hezekile 34:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Yaye ndiya kuzikhupha kwizizwana ndiziqokelele ndawonye+ zivela emazweni ndize ndizizise emhlabeni+ wazo, ndizondle ezintabeni zakwaSirayeli, ngasemisingeni nangakuzo zonke iindawo zokuhlala zelizwe.+

  • Hezekile 36:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 Kwaye ndiza kunithabatha ezintlangeni ndize ndiniqokelele ndawonye emazweni onke ndinizise emhlabeni wenu.+

  • Hezekile 37:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Ngoko ke profeta, uthi kubo, ‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Yabonani, ndiyawavula amangcwaba enu,+ yaye ndiza kuninyusa niphume kuloo mangcwaba, bantu bam, ndize ndinizise kumhlaba wakwaSirayeli.+

  • Amosi 9:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Ndiza kubabuyisa abathinjiweyo babantu bam amaSirayeli,+ kwaye okunene baya kwakha izixeko eziphanzileyo baze babe ngabemi bazo,+ batyale izidiliya baze basele iwayini yazo, benze imiyezo baze badle iziqhamo zayo.’+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share