IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Genesis 2:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Kodwa wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungadli kuwo, kuba mhla uthe wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo.”+

  • Genesis 17:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Yona ke indoda eyalayo ukwaluswa enyameni yayo yejwabi, loo mphefumlo mawunqunyulwe ebantwini bakowabo.+ Uwaphule umnqophiso wam.”

  • ABagwebi 16:30
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 30 Kwaye uSamson wathi: “Umphefumlo wam mawufe+ namaFilisti.” Ngoko wagoba ngamandla, yaye indlu yawela kwiinkosi ezimanyeneyo nakubo bonke abantu ababekuyo,+ kangangokuba abafileyo awababulalayo ekufeni kwakhe baba ngaphezu kwabo wayebabulele ngexesha lokudla kwakhe ubomi.+

  • Yobhi 33:22
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 22 Yaye umphefumlo wayo usondela emhadini,+

      Nobomi bayo kwabo babangela ukufa.

  • INdumiso 78:50
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 50 Wawulungiselela umendo umsindo wakhe.+

      Akazange ayinqande imiphefumlo yabo ekufeni;

      Nobomi babo wabunikela kwindyikitya yokufa.+

  • Isaya 53:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Ngenxa yeso sizathu ndiya kumahlulela isahlulo phakathi kwabaninzi,+ yaye uya kwahlulelana ngexhoba nabo banamandla,+ ngenxa yokuba wawuphalaza umphefumlo wakhe ukusa kanye ekufeni,+ wabalelwa kwabanxaxhayo;+ kwaye yena wathwala isono sabantu abaninzi,+ yaye wabathethelela abo banxaxhayo.+

  • IZenzo 3:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 Eneneni, nawuphi na umphefumlo ongamphulaphuliyo loo mProfeti uya kutshatyalaliswa ngokupheleleyo phakathi kwabantu.’+

  • Roma 6:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 Kuba umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa,+ kodwa isipho+ uThixo asinikayo bubomi obungunaphakade+ ngoKristu Yesu iNkosi yethu.+

  • ISityhilelo 16:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Eyesibini+ yasiphalaza isitya sayo elwandle.+ Lwaba ligazi+ elinjengelomntu ofileyo, yaza yafa yonke imiphefumlo ephilayo elwandle.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share