45 njengoko wabonayo ukuba entabeni kwaqephuka ilitye kungengazandla,+ laza latyumza intsimbi, ubhedu, udongwe oluxonxiweyo, isilivere negolide.+ UThixo Ozukileyo+ umazisile ukumkani okuya kwenzeka emva koku.+ Iphupha eli ke linokuthenjwa, nentsingiselo yalo inokuthenjwa.”+