Yobhi
6 Yeka ukumondela ukuze afumane ukuphumla,+
De afumane uyolo njengoko umqeshwa elufumana ngemini yakhe.
7 Kuba kukho ithemba nangomthi.
Ukuba uthi ugawulwe, uya kuhluma kwakhona,+
Yaye isetyana lawo aliyi kuyeka ukubakho.
8 Ukuba ingcambu yawo iba ndala emhlabeni
Size isiphunzi sawo sife eluthulini,
9 Ngevumba lamanzi uya kuhluma+
Uze ngokuqinisekileyo uvelise isebe njengesithole.+
10 Kodwa indoda eyomeleleyo iyafa ize ilale yoyisiwe;
Yaye umntu wasemhlabeni uyabhubha, yaye uphi na?+
12 Kwanomntu uyalala aze angavuki.+
De izulu lingabikho abayi kuvuka,+
Yaye abayi kuvuswa ebuthongweni babo.+
14 Ukuba indoda eyomeleleyo iyafa ngaba inokuphila kwakhona?+
Ngayo yonke imihla yam yomsebenzi osisinyanzelo ndiya kulinda,+
Kude kufike ukukhululeka kwam.+
18 Noko ke, xa intaba isiwa, iya kunyamalala,
Kwaneliwa liya kususwa endaweni yalo.
19 Amanzi ngokuqinisekileyo akhuthula kwanamatye;
Ukuphuphuma kwawo kukhukulisa uthuli lomhlaba.
Ngoko ulitshabalalisile ithemba lomntu ofayo.
22 Yinyama yakhe ngoxa ikuye kuphela eya kuqhubeka iqaqamba,
Nomphefumlo wakhe ngoxa ungaphakathi kuye uya kuqhubeka uzilile.”