Mateyu
20 “Kuba ubukumkani bamazulu bunjengomntu, umnini-ndlu, owaphuma ngonyezi ukuya kuqesha abasebenzi besidiliya sakhe.+ 2 Akuba evumelene nabasebenzi ngedenariyo ngemini,+ wabathumela esidiliyeni sakhe. 3 Ephuma malunga nelixa lesithathu,+ wabona abanye bemile bengasebenzi kwindawo yemarike;+ 4 yaye kwabo wathi, ‘Nani, yiyani esidiliyeni, yaye ndiza kuninika nakuphi na okusesikweni.’ 5 Ngoko bahamba ke. Kwakhona waphuma malunga nelixa lesithandathu+ nelesithoba+ waza wenza ngokunjalo. 6 Ekugqibeleni, malunga nelixa leshumi elinanye waphuma waza wafumana abanye bemile, wathi kubo, ‘Kutheni nimi apha nje imini yonke ningasebenzi?’ 7 Bathi kuye, ‘Kungenxa yokuba akukho bani usiqeshileyo.’ Wathi kubo, ‘Nani yiyani esidiliyeni.’+
8 “Kwakuhlwa,+ inkosi yesidiliya yathi kwindoda ephetheyo, ‘Biza abasebenzi uze ubahlawule imivuzo yabo,+ uqale kowokugqibela kuse kowokuqala.’ 9 Xa abantu belixa leshumi elinanye bezayo, bamkela ngamnye idenariyo. 10 Ngoko, xa abokuqala bezayo, bagqiba kwelokuba baza kwamkela ngakumbi; kodwa nabo bamkela intlawulo ngomlinganiselo wedenariyo. 11 Bakwamkela, bambombozela nxamnye nomnini-ndlu+ 12 besithi, ‘Aba bokugqibela benze umsebenzi welixa elinye; ukanti ubenze balingana nathi thina siye sathwala uxanduva lwemini nobushushu obutshisayo!’ 13 Kodwa ekuphenduleni wathi komnye wabo, ‘Mfondini, andikonanga nganto. Uvumelene nam ngedenariyo, akunjalo?+ 14 Thabatha okwakho uze uhambe. Ndifuna ukunika lo wokugqibela ngokufanayo nawe.+ 15 Akukho mthethweni na ngam ukuba ndenze oko ndikufunayo ngezinto zam? Okanye ngaba iliso lakho lingendawo+ ngenxa yokuba ndilungile?’+ 16 Ngale ndlela abo bokugqibela baya kuba ngabokuqala, baze abo bokuqala babe ngabokugqibela.”+
17 Ke kaloku xa wayeza kunyuka uYesu ukuya eYerusalem, wathabathela ngasese abafundi abalishumi elinesibini+ waza wathi kubo endleleni: 18 “Khangelani! Siyenyuka siya eYerusalem, yaye uNyana womntu uya kunikelwa kubabingeleli abaziintloko nababhali, kwaye baya kumgwebela isohlwayo sokufa,+ 19 bamnikele kubantu beentlanga ukuze bahlekise ngaye, bamtyakatye, bambethelele,+ aze avuswe ngomhla wesithathu.”+
20 Ngoko kweza kuye unina woonyana bakaZebhedi+ noonyana bakhe, equbuda yaye ecela okuthile kuye.+ 21 Wathi kuye: “Ufuna ntoni na?” Wathi yena: “Khupha ilizwi lokuba aba nyana bam babini bahlale, omnye ngasekunene kwakho nomnye ngasekhohlo kwakho, ebukumkanini bakho.”+ 22 UYesu waphendula wathi: “Anikwazi oko nikucelayo. Ninako na ukusela indebe+ endiza kuyisela?” Bathi kuye: “Sinako.” 23 Wathi kubo: “Eneneni niya kuyisela indebe yam,+ kodwa kona ukuhlala ngasekunene kwam nangasekhohlo kwam asikokwam ukunikisa ngako, kokwabo kulungiselelwe bona nguBawo.”+
24 Bakukuva oku abanye abalishumi, bakucaphukela oko kwenziwa ngaba bazalwana babini.+ 25 Kodwa uYesu, wababizela kuye, wathi: “Niyazi ukuba abalawuli beentlanga baba ziinkosi phezu kwazo yaye abo bazizikhulu basebenzisa igunya phezu kwazo.+ 26 Makungabi njalo phakathi kwenu;+ kodwa nabani na ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu makabe ngumlungiseleli wenu,+ 27 yaye nabani na ofuna ukuba ngowokuqala phakathi kwenu makabe likhoboka lenu.+ 28 Kanye njengokuba uNyana womntu weza, kungekhona ukuze alungiselelwe, kodwa ukuze alungiselele+ nokuze anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.”+
29 Ngoku njengoko babephuma eYeriko+ isihlwele esikhulu samlandela. 30 Yaye, khangela! abantu ababini abaziimfama ababehleli ecaleni kwendlela, bakuva ukuba uYesu uyadlula, badanduluka, besithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, yiba nenceba kuthi!”+ 31 Kodwa isihlwele sabaxelela kabukhali ukuba bathi cwaka; ukanti kwaba kukhona badanduluka kakhulu ngakumbi, besithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, yiba nenceba kuthi!”+ 32 Ngoko uYesu wema, wababiza waza wathi: “Nifuna ukuba ndinenzele ntoni na?” 33 Bathi kuye: “Nkosi, amehlo ethu makavulwe.”+ 34 Enosizi, uYesu wachukumisa amehlo abo,+ yaye ngoko nangoko babona, baza bamlandela.+