Mateyu
12 Ngelo xesha uYesu wayehamba kumasimi okudla okuziinkozo ngesabatha.+ Abafundi bakhe balamba baza baqala ukukha izikhwebu zokudla okuziinkozo, badla.+ 2 Bakukubona oku abaFarisi bathi kuye:+ “Khangela! Abafundi bakho benza oko kungekho mthethweni ukuba kwenziwe ngesabatha.”+ 3 Wathi kubo: “Anizange nikufunde na oko kwenziwa nguDavide xa yena nabantu awayekunye nabo bathi balamba?+ 4 Indlela awangena ngayo endlwini kaThixo baza badla izonka ezingumboniso,+ nto leyo ekwakungekho mthethweni+ ngaye ukuyidla, okanye ngabo wayenabo, ngaphandle kwababingeleli kuphela?+ 5 Okanye, anizange nifunde na eMthethweni+ ukuba ngeesabatha etempileni ababingeleli abayiphathi isabatha njengengcwele kwaye baqhubeka bengenatyala?+ 6 Ndithi ke kuni, okuthile okukhulu ngakumbi kunetempile+ kulapha. 7 Noko ke, ukuba nanikuqondile okuthethwa kukuthi, ‘Ndifuna inceba,+ kungekhona umbingelelo,’+ ngeningakhange nibagwebele isohlwayo abo bangenatyala. 8 Kuba uNyana womntu+ uyiNkosi yesabatha.”+
9 Emva kokuba emkile kuloo ndawo waya kwindlu yabo yesikhungu; 10 kwaye, khangela! nanko umntu onesandla esomileyo!+ Ngoko ukuze bafumane isimangalo ngokunxamnye naye+ bambuza bathi, “Kusemthethweni na ukuphilisa ngesabatha?” 11 Wathi kubo: “Nguwuphi na umntu phakathi kwenu oya kuthi enemvu enye aze, ukuba yeyela emhadini+ ngesabatha, angayibambi ayirhole?+ 12 Kuqwalaselwe konke oku, uxabiseke ngaphezulu kangakanani na ke umntu kunemvu!+ Ngoko kusemthethweni ukwenza into entle ngesabatha.” 13 Wandula ke wathi kulo mntu: “Yolula isandla sakho.” Wasolula, saza saphila njengesinye isandla.+ 14 Kodwa abaFarisi baphuma baza baceba ukumtshabalalisa.+ 15 Ekwazile oko, uYesu wemka apho. Abaninzi bamlandela, waza wabaphilisa bonke,+ 16 kodwa wabayala ngokungqongqo ukuba bangamvezi;+ 17 ukuze kuzaliseke oko kwathethwa ngoIsaya umprofeti, owathi:
18 “Khangela! Umkhonzi wam+ endimnyulileyo, intanda yam,+ lowo ukholisiweyo nguye umphefumlo wam! Ndiza kufaka umoya wam kuye,+ yaye okusesikweni uya kukwenza kucace ezintlangeni. 19 Akayi kudala ingxabano,+ okanye adanduluke kakhulu, kungekho nabani na oya kuliva ilizwi lakhe kwiindlela eziphangaleleyo. 20 Akukho ngcongolo yaphukileyo aya kuyityumza, yaye akukho msonto weflekisi aya kuwucima,+ ade akuphumelelise okusesikweni+ ngempumelelo. 21 Eneneni, iintlanga ziya kuthembela egameni lakhe.”+
22 Bandula ke bamzisela indoda enedemon, eyimfama nesisimumu; wayiphilisa, yaza yathetha, yabona, indoda leyo esisimumu. 23 Ngoko, zonke izihlwele zathabatheka zaza zathi:+ “Akungebi lo mhlawumbi nguNyana kaDavide?”+ 24 Bakukuva oku, abaFarisi bathi: “Lo mfo akazikhuphi iidemon ngaphandle kwangoBhelezebhubhe, umlawuli weedemon.”+ 25 Ezazi iingcamango zabo,+ wathi kubo: “Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa buyaphanza,+ yaye sonke isixeko okanye indlu eyahlulelene yodwa ayiyi kuma. 26 Ngokufanayo, ukuba uSathana ukhupha uSathana, wahlulelene yedwa; ngoko, buya kuma njani ubukumkani bakhe? 27 Ngaphezu koko, ukuba iidemon ndizikhupha ngoBhelezebhubhe,+ bazikhupha ngabani bona oonyana benu? Kungenxa yoku le nto beya kuba ngabagwebi benu. 28 Kodwa ukuba ndizikhupha ngomoya kaThixo iidemon, ubukumkani bukaThixo ngokwenene bunifikele.+ 29 Okanye ubani angayingenela njani na indlu yomntu owomeleleyo aze athimbe iimpahla zakhe ezinokuthabatheka, ngaphandle kokuba kuqala uyambopha umntu lowo womeleleyo? Uya kwandula ke ayiphange indlu yakhe.+ 30 Lowo ungekho ngakum unxamnye nam, nalowo ungahlanganisi kunye nam uyachithachitha.+
31 “Ngenxa yoko ndithi kuni, Lonke uhlobo lwesono nokunyelisa baya kukuxolelwa abantu, kodwa ukunyelisa umoya akuyi kuxolelwa.+ 32 Ngokomzekelo, othe wathetha ilizwi nxamnye noNyana womntu, uya kuxolelwa;+ kodwa othetha nxamnye nomoya oyingcwele, akayi kuxolelwa, kule nkqubo yezinto kwanakuleyo izayo.+
33 “Kusenokuba nenza umthi ube mhle neziqhamo zawo zibe zihle okanye nenza umthi ubole neziqhamo zawo zibole; kuba umthi waziwa ngeziqhamo zawo.+ 34 Nzalandini yamarhamba,+ ningathini na ukuthetha izinto ezilungileyo, ningabangendawo nje?+ Kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.+ 35 Umntu olungileyo ukhupha izinto ezilungileyo kubuncwane bakhe obulungileyo,+ kanti umntu ongendawo kubuncwane bakhe obungendawo ukhupha izinto ezingendawo.+ 36 Ndithi ke kuni, lonke ilizwi elingamampunge abalithethayo abantu, baya kuphendula+ ngalo ngeMini Yomgwebo; 37 kuba ngamazwi akho uya kuvakaliswa ulilungisa, yaye ngamazwi akho uya kugwetyelwa isohlwayo.”+
38 Ngoko ekuphenduleni abathile kubabhali nabaFarisi bathi: “Mfundisi, sifuna ukubona umqondiso ovela kuwe.”+ 39 Waphendula ke wathi kubo: “Isizukulwana esingendawo nesikrexezayo+ sihlala sifuna umqondiso, kodwa akukho mqondiso siya kuwunikwa ngaphandle komqondiso kaYona umprofeti.+ 40 Kuba kanye njengokuba uYona+ wayesesiswini sentlanzi enkulu iimini ezintathu nobusuku obuthathu, kwangokunjalo noNyana womntu+ uya kuba sembilinini womhlaba+ iimini ezintathu nobusuku obuthathu.+ 41 Abantu baseNineve baya kusuka beme ngomgwebo nesi sizukulwana+ yaye baya kusigwebela+ isohlwayo; ngenxa yokuba baguquka koko uYona+ wayekushumayela, kodwa, khangelani! okuthile okungaphezu koYona kulapha. 42 Ukumkanikazi wasemzantsi+ uya kuvuswa ngomgwebo nesi sizukulwana yaye uya kusigwebela isohlwayo; ngenxa yokuba weza evela eziphelweni zomhlaba esiza kuva ubulumko bukaSolomon, kodwa, khangelani! okuthile okungaphezu koSolomon kulapha.+
43 “Xa umoya ongahlambulukanga uphuma emntwini, udlula kwiindawo ezibharhileyo ufuna indawo yokuphumla, uze ungafumani nanye.+ 44 Wandule ke uthi, ‘Ndiza kubuyela kwindlu yam endaphumayo kuyo’; uthi ke wakufika uyifumane izé, itshayelwe yacoceka yaza yahonjiswa. 45 Wandula ke uhambe uze uthabathe oomoya abahlukileyo abasixhenxe nabangendawo ngakumbi kunawo,+ bangene ke ngaphakathi, bahlale apho; ize imeko yokugqibela yaloo mntu ibe mbi kuneyokuqala.+ Kuya kuba njalo nakwesi sizukulwana singendawo.”+
46 Ngoxa wayesathetha nezihlwele, khangela! unina nabantakwabo+ bema ngaphandle befuna ukuthetha naye. 47 Ngoko uthile wathi kuye: “Khangela! Unyoko nabantakwenu bemi ngaphandle, bafuna ukuthetha nawe.” 48 Waphendula wathi kulowo wayemxelela: “Ngubani na uma, bengoobani bona abantakwethu?”+ 49 Kwaye esolulela isandla sakhe ngakubafundi bakhe, wathi: “Khangela! Uma nabantakwethu!+ 50 Kuba nabani na owenza ukuthanda kukaBawo osezulwini, nguye lowo ongumntakwethu, nodade wethu, noma.”