ISityhilelo
14 Yaye khangela! ndabona iMvana+ imi phezu kweNtaba yeZiyon,+ kumi nayo ikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka+ linalo igama layo negama loYise+ libhaliwe emabunzini alo. 2 Ndeva isandi siphuma ezulwini sinjengesandi samanzi+ amaninzi nanjengesandi sendudumo enkulu; yaye isandi endasivayo sasingathi seseemvumi ezizipheleka ngohadi+ zidlala iihadi zazo. 3 Kwaye zivuma+ ingoma engathi intsha+ phambi kwetrone naphambi kwezidalwa+ eziphilayo ezine nabadala;+ yaye akukho bani wakwaziyo ukuyiqondisisa ingoma leyo ngaphandle kwekhulu elinamashumi amane anesine lamawaka,+ abathengwe+ emhlabeni. 4 Aba ngabo bangazange bazenze nqambi ngabafazi;+ enyanisweni, banyulu.+ Aba ngabo bahlala beyilandela iMvana kungakhathaliseki apho iya khona.+ Aba bathengwa+ phakathi koluntu njengeentlahlela+ kuThixo nakuyo iMvana, 5 yaye akufunyanwanga buxoki emilonyeni yabo;+ abanasiphako.+
6 Ndabona enye ingelosi iphaphazela esazulwini sezulu,+ ineendaba ezilungileyo+ ezingunaphakade ukuba izivakalise njengesigidimi esichulumancisayo kwabo bahleli emhlabeni, nakuzo zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu,+ 7 isithi ngelizwi elikhulu: “Moyikeni uThixo+ nimzukise,+ kuba lifikile ilixa lokugweba kwakhe,+ ngoko mnquleni Lowo wenza+ izulu nomhlaba nolwandle nemithombo yamanzi.”+
8 Kwalandela enye, eyesibini ingelosi, isithi: “Iwile! IBhabhiloni+ Enkulu iwile,+ leyo yaseza zonke iintlanga iwayini+ yomsindo wohenyuzo lwayo!”+
9 Kwalandela enye ingelosi, eyesithathu, isithi ngelizwi elikhulu: “Wonke umntu onqula irhamncwa+ nomfanekiso walo,+ aze amkele uphawu lwalo ebunzini lakhe okanye esandleni sakhe,+ 10 uya kusela kwiwayini yomsindo kaThixo egalelwa ingaphithikezwanga kwindebe yengqumbo yakhe,+ yaye uya kuthuthunjiswa+ ngomlilo nesalfure+ emehlweni eengelosi ezingcwele nasemehlweni eMvana. 11 Umsi wokuthuthunjelwa kwabo unyuka ngonaphakade kanaphakade,+ yaye abaphumli imini nobusuku, abo banqula irhamncwa nomfanekiso walo, naye nabani na owamkela uphawu+ lwegama lalo. 12 Oku kuthetha unyamezelo kwabo bangcwele,+ bagcina imiyalelo kaThixo+ nabakholwayo+ kuYesu.”
13 Yaye ndeva ilizwi liphuma ezulwini lisithi: “Bhala: Banoyolo abafileyo,+ abo bafela eNkosini+ ukususela ngoku kuse phambili.+ Ewe, utsho umoya ukuthi, baphumle ekubulalekeni kwabo, kuba imisebenzi yabo ilandelana nabo.”
14 Yaye khangela! ndabona ilifu elimhlophe, kulo kuhleli uthile onjengonyana womntu,+ enesithsaba segolide+ entlokweni yakhe nerhengqa elibukhali esandleni sakhe.
15 Kwathi gqi enye ingelosi ivela engcweleni yetempile, idanduluka ngelizwi elikhulu kulowo wayehleli efini isithi: “Lifake irhengqa lakho uze uvune,+ ngokuba lifikile ilixa lokuvuna,+ kuba isivuno somhlaba sivuthwe ngokupheleleyo.”+ 16 Waza lowo wayehleli efini walifaka irhengqa lakhe emhlabeni, waza umhlaba wavunwa.
17 Kwathi gqi nenye ingelosi ivela engcweleni yetempile esezulwini,+ nayo inerhengqa elibukhali.
18 Kwathi gqi enye ingelosi ivela esibingelelweni, inegunya phezu komlilo.+ Yamemeza ngelizwi elikhulu kuleyo yayinerhengqa elibukhali, isithi: “Lifake irhengqa lakho elibukhali uze uzihlanganise izihloko zomdiliya womhlaba,+ ngenxa yokuba iidiliya zawo zivuthiwe.” 19 Kwaye ingelosi+ leyo yalifaka irhengqa layo emhlabeni yawuhlanganisa umdiliya+ womhlaba, yaza yawuphosa kwisixovulelo esikhulu sewayini yomsindo kaThixo.+ 20 Yaye isixovulelo sewayini saxovulwa ngaphandle kwesixeko,+ kwaza kwaphuma igazi kwisixovulelo sewayini laphakama leza kuthi xhaxhe ngemikhala yamahashe,+ kumgama oziitadiya eziliwaka elinamakhulu amathandathu.+