Hezekile
4 “Wena ke, nyana womntu, zithabathele isitena, usibeke phambi kwakho uze ukrole kuso isixeko, iYerusalem kanye.+ 2 Yaye umele usingqinge+ uze wakhe udonga lokungqinga nxamnye naso+ wenze umsele wokungqinga nxamnye naso+ uze umise inkampu nxamnye naso ubeke izixhobo zokudiliza iindonga macala onke nxamnye naso.+ 3 Zithabathele ipani yentsimbi, uyibeke ibe ludonga lwentsimbi phakathi kwakho nesixeko, ubhekise ubuso bakho nxamnye naso, sona sibe selungqingweni, wena usingqinge. Ngumqondiso lowo kwindlu kaSirayeli.+
4 “Lala ngecala lakho lasekhohlo, usibeke isiphoso sendlu kaSirayeli phezu kwayo.+ Uya kusithwala isiphoso sabo kangangenani leentsuku oya kulala ngazo. 5 Mna ke ndiya kukunika iminyaka yesiphoso sabo+ ibe linani leentsuku ezingamakhulu amathathu anamashumi asithoba,+ usithwale ke isiphoso sendlu kaSirayeli. 6 Yaye umele uzigqibe.
“Kwaye umele ulale okwesibini ngecala lasekunene, usithwale ke isiphoso sendlu kaYuda iintsuku ezimashumi mane.+ Ndikunike usuku lube ngunyaka, usuku lube ngunyaka.+ 7 Uya kububhekisa ke ubuso bakho kungqingo lweYerusalem,+ ingalo yakho ihlutyiwe, yaye umele uprofete nxamnye nayo.
8 “Kwaye, khangela! ndiza kukufaka iintambo+ ukuze ungaguquki usuke kwelinye icala lakho uye kwelinye icala lakho, zide ziphele iintsuku zokungqinga kwakho.
9 “Wena ke, zithabathele ingqolowa+ nerhasi neembotyi ezinkulu+ neentlumayo+ namazimba nehabile,+ umele ke uzigalele esityeni esinye uze uzenzele isonka, ngokwenani leentsuku zokulala kwakho ngecala; uya kusidla iintsuku ezingamakhulu amathathu anamashumi asithoba.+ 10 Yaye ukutya oya kukudla kuya kuba ngokomlinganiselo—iishekele ezingamashumi amabini ngemini.+ Uya kukudla amaxesha ngamaxesha.
11 “Namanzi uya kuwasela ngokomlinganiselo, inxalenye yesithandathu yehin. Uya kusela amaxesha ngamaxesha.
12 “Uya kusidla njengeqebengwana elibusazinge;+ yaye sona ke, uya kusibhaka ngelindle+ lomntu phambi kwamehlo abo.” 13 Waza uYehova wahlabela mgama wathi: “Oonyana bakaSirayeli baya kwenjenje kanye ukusidla isonka sabo singahlambulukanga+ phakathi kweentlanga endiya kubasasazela kuzo.”+
14 Ndaza mna ndathi: “Owu Nkosi enguMongami Yehova! Khangela! Umphefumlo wam awenziwanga nqambi;+ ndingazange ndidle nasidumbu nasilwanyana siqwengiweyo ukususela ebutsheni bam,+ kude kube ngoku, nasemlonyeni wam akuzange kungene nyama ingcolileyo.”+
15 Ngako oko wathi kum: “Yabona, ndikunika umgquba wenkomo esikhundleni selindle lomntu, uze uzenzele ngawo isonka sakho.” 16 Yaye waqhubeka esithi kum: “Nyana womntu, yabona, ndiyazaphula iintonga ekujingiswa kuzo izonka ezibusazinge,+ eYerusalem, yaye baya kusidla isonka ngokomlinganiselo nangokuxhalaba,+ kwaye namanzi lawo baya kuwasela ngomlinganiselo nangokuqhiphuka umbilini,+ 17 ukuze baswele isonka namanzi baze bajongane bekhwankqisiwe baze babole kwisiphoso sabo.+